UMohau Nkota uyishiyile i'Orlando Pirates emva kokuthengiselwa iqela laseSaudi Arabia.
Image: Bucs
Iindaba ezinge emini namhlanje zithi umdlali osaze ngobuso ezweni, uMohau Nkota, uthengisiwe yi'Orlando Pirates ebeyidlalela. Ezi ndaba zothuse abantu abaninzi zidizwe yiPirates kumakhasi womnatha namhlanje emva komdlalo wokucweya weqela eSpain.
UNkota uza kudlalela iqela ekuthiwa yiEttifaq Club edlala kwiSaudi Pro League. Oku kwenzeke emva kokuba edlale ngendlela encumisayo kakhulu kwisizini yakhe yokuqala kwiBetway Premiership phantsi kukaJose Riveiro naye ofudukele eYiphutha kwiinyanga ezigqithileyo.
"Sithi masiqinisekise ukuba iPirates ivene neqela ekuthiwa yiEttifaq Club ngokuyithengisela uMohau Nkota. Yonke into ngoku ixhomekeke phakathi komdlali neqela elitsha. Ukuhamba kukaNkota kuza emva kwesizini yakhe yokuqala kwiPSL adlale kuyo imidlalo engamashumi amathathu anethoba," itshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates namhlanje.
Ukuthengwa kwakhe akothusi ngoba ngomnye wabadlali abancinane baqhube kakuhle kakhulu kwisizini egqithileyo. Khange adlale nje kuphela kwiPirates, uyincede ngeshumi elinambini lamagowuli kwisizini yakhe yokuqala. Ukudlala kwakhe kuye kwafika naselisweni likaHugo Broos oye wamnika inithuba lokudlalela iqela lesizwe kwiinyanga ezigqithileyo.
Lo mdlali osuka kwiPirates uya kwiSaudi Pro League ebukhe kwaqeqesha kuyo uPitso Mosimane kunyaka ophelileyo. Idume kakhulu ngokuba nomtsalane kubadlali abaziwayo abasuka eYurophu ngenxa yemali eninzi amaqela aseSaudi Arabia.