Amabhokobhoko avuthulule i-Italy emdlalweni wovavanyo obuseGqeberha.
Image: Springboks/Facebook
UMzantsi Afrika uyibeke endaweni eyifaneleyo emdlalweni obumhle eGqeberha ngorhatya lwanamhlanje. Amabhokobhoko awangombe ngo'45-0 amaTaliyane emdlalwe wovavanyo wesibini odlalelwe kwiNelson Mandela Bay Stadium ebigcwele abalandeli bombhoxo abaqabele ngaphaya kwamashumi amahlanu amawaka.
Lo ibingumdlalo wokulungisa iimpazamo kuMzantsi Afrika ophumelele ngo'42-24 emdlalweni ongancumisanga kwiveki ephelileyo eKapa. Kodwa namhlanje amaTaliyane akanikwanga thuba lokuphinda akwenze eKapa.
Abuyela eYurophu eqengqa iqanda emva kokudlala imidlalo emibini. Iintshatsheli zehlabathi ziye kwixesha lokuphumla zihamba phambili ngamashumi amabini anesine amanqaku eqandeni.
UGrant Williams uvule indlela kwalandela uCanan Moodie emdlalweni adibanise ikhulu kuwo uWillie Le Roux (100 Tests) namhlanje eGqeberha. Bekungekho lula kuMzantsi Afrika ngob uJasper Wiese ukhutshwe ngekhadi elibomvu kwangoko emdlalweni. Kwangoko uRassie Erasmus ufake uOx Nche endaweni kaThomas Du Toit.
Kubekho ubunzima kwakhona kwisigaba sesibini, amaTaliyane engafuni nokuva emva. UMalcolm Marx oyihuka wenze umsebenzi omhle ngethuba elala emgceni emva koko kwalandela amadoda amakhulu aquka uMakazole Mapimpi ogqibe umdlalo waMabhokobhoko abeqala ukudlalela eMpuma Koloni ukusukela ngonyaka ka2018.
Nangona uSiya Kolisi engakwazanga ukudlala phambi kwabantu bakowabo - kodwa uMapimpi wenze umsebenzi omhle phambi kwezihlwele zabantu baseMpuma Koloni.