Nabi going nowhere UNasreddine Nabi uthi wonelisekile ngumsebenzi owenziwe liqela lakhe emdlalweni wobuhlobo eNetherlands.
Image: Backpagepix
Emva kweentsuku ezimbalwa iKaizer Chiefs igalelekile eYurophu, idlale umdlalo wayo wokuqala wobuhlobo ngoLwesibini ebusuku. Ngelishwa iChiefs ibethiwe yiVitesse ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eRKSV Staium.
UReeve Frosler ufake igowuli lokuqala - kodwa iVetesse ikwazile ukuphendula kabini. Nangona kunjalo, uNasireddine Nabi uvakalise ukonela kokwenzeke emdlalweni. Amakhosi abila esoma eNetherlands - apho aphekwa khona phambi kokuqala kwesizini yePremier Soccer League kwinyanga ezayo.
"Kundonwabisile okwenzeke ebaleni," utshilo umqeqeshi emva komdlalo kwikhasi lomnatha leChiefs. Umqeqeshi usebenzise amaqela amabini emdlalweni. Abanye abadlali baqale umdlalo, kwisigaba sesibini kwadlala abanye. Njengokuba kukho abadlali abaliqela abatsha, ebezama ukujonga indlela abadlala ngayo.
Ubumhle umdlalo ngoba isantya sawo besiphezulu futhi iVetesse ibizimisele kakhulu. Emva kokufumana abadlali abatsha, Amakhosi alungiselela ukwenza umsebenzi ophucukileyo emva kokuvala isizini egqithileyo engaphandle kwiTop-8.
Nangona kunjalo, aya kwisizini entsha ekhuthazekile ngenxa yeNedbank Cup ayiphumeleleyo nokufumana ithuba lokudlala kwiCAF Confederation Cup. Ezo Zinto zombini zikhuthaza Amakhosi ukuba enze ngcono emva kokubhuqwa yindlala iminyaka elishumi kungekho siqabu.
"Okwenzeke emdlalweni kuhambelana nezinto esizifunayo kumalungiselelo wethu. Sijime kakhulu kwiintsuku ezigqithileyo. Lo nto yenze kwanzima kubadlali bethu. Andiphoxekanga ziziphumo zomdlalo ngoba yinxalenye yokuzilolonga," utshilo uNabi.