UMonnapuleng Saleng kuthiwa angadlalela iOrbit Collenge kwisizini entsha.
Image: Facebook
Iindaba ezijikelezayo zithi uMonnapuleng Saleng angafumana ikhaya elitsha phambi kokuqala kwesizini. Oku kudizwe yiSABC Sport kule veki. Sekulithuba elide uSaleng engasadlaliswa yiPirates - kodwa ebikade ingafuni ukumkhulula.
Kwaye kwavela iindaba ezithi uSaleng ukhalela umvuzo ophantsi awunikwa yiPirates. Ayizange ikhuphe lizwi iPirates ngomba kaSaleng. Ngoku kuvela ingxelo ethi kuza kubolekiswa ngaye kwi-Orbit College eza kudlala okokuqala kwiBetway Premiership emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni yokuxabangela (PSL Play-offs).
Ukuba izinto ziye zapasa, uSaleng uza kuphindela kwi-Orbit College awaqala kuyo phambi kokuzenzela igama kwiPirates eminyakeni edlulileyo phantsi kukaJose Riveiro oye kwiAl Ahly kwiinyanga ezigqithileyo.
Abasemfuthweni wolwazi baxelele iSABC Sport ukuba uSaleng uya kwiqela elitsha ngemboleko ukuze akwazi ukuvuselela isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo kwakhona. Iingxaki zakhe nePirates zimbuyise umva ngoba ebeseqala nokungena kwiqela lesizwe kwase kwathi gqi ingxaki ebangele akadlaliswa.
Njengokuba iPirates inomqeqeshi omtsha ekulindeleke aqale ubomi obutsha nabo bonke abadlali afike bekhona - yena uSaleng uphosiwe ngoba kuyiwe eSpain yena washiywa ngasemva. Bekukhe kwakho amarhe athi ufunwa yiKaizer Chiefs ixesha elide.
Kodwa amathuba okuba kwenzeke oko ebembalwa. Ukufika kukaSaleng kwiqela laseNorth West ingaziindaba ezimnandi kulo ngoba liza kudinga abadlali abanamava kwiBetway Premiership. Akukabikho siqinisekiso ngekamva likaSaleng esikhutshwe yiPirates okwangoku.