UMakazole Mapimpi ukuvuyela ukudlala kweSpringboks kwiphondo leMpuma Koloni.
Image: Springboks/Facebook
Umdlali wombhoxo owaziwayo, uMakazole Mapimpi, ukuvuyele kakhulu ukufika kwaMabhokobhoko kwiphondo leMpuma Koloni. Iintshatsheli zehlabathi zigaleleke ekuqaleni kweveki eGqeberha apho ziqale khona amalungiselelo omdlalo wovavanyo eziza kudibana kuwo neItaly eyingozi eNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo.
UMapimpi uphakathi kweziqwayi zabadlali ezichongwe nguRassie Erasmus ukuze ziqubisane namaTaliyane asokolise uMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo. Nangona Amabhokobhoko ebethe i-Italy ngo'42-24 emdlalweni obuseDHL Stadium, eKapa, kodwa lo umdlalo wohlukile.
Kufuneka kulungiswe iziphene ezenziwe ngamakhwenkwe kaRassie Erasmus anike amaTaliyane ithuba lokuqingqa emdlalweni ebekufanele azicacise kuwo ukuba akazontshatsheli zehlabathi zombhozo ngempazamo. Ngaphezulu kwaleyo into, abantu baseMpuma Koloni baza kuvuyela ukubukela iqela lesizwe emva kweminyaka lagqibela ukudlala eNelson Mandela Bay Stadium.
Nangona uSiya Kolisi eza kuphoswa lithuba lokudlala phambi kwabantu bakowabo, uMapimpi waseTsholomnqa uza kulibamba ngezandla zozibini ithuba lokudlala alinikiweyo. UKolisi usephantsi kweliso likagqirha emva kokonzakala kwiveki ephelileyo phambi komdlalo obuseKapa.
"Kuluvuyo olukhulu kum nasebantwini beli phondo xa Amabhokobhoko esiza eGqeberha. Lo nto siyibone kwindlela esamkelwe ngayo ngabantu," utshilo uMapimpi ongomnye wabadlali abagqamileyo embhoxweni wehlabathi abaveliswe apha eMpuma Koloni.
"Sisoloko sisiya kwiindawo ngeendawo, kodwa ukudlalela eGqeberha kunomahluko. Ndicinga ukuba abantu beli phondo bakulambele ukubukela iqela lesizwe ngoba abalifumani ithuba lokulibukela njengezinye iindawo.
"Amabhokobhoko akafane abonakale kwiindawo ezifana neGqeberha okanye eMonti njengaseGoli naseKapa," utshilo uMapimpi phambi komdlalo ekulindeleke ukuba utake iintlantsi.
URhulumente wephondo ulamkele ngovuyo iqela lesizwe lombhoxo watsho esithi abantu mabalixhase ngoba ubukho balo buyinzuzo kwezoqoqosho nakukhenketho.