UBrighton Mhlongo ngunozakuzaku wetumente enkulu, iEngen Knockout Challenge, eza kubanjelwa eQonce ekuthambekeni kwale nyanga.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Amaqela aphuma kwiindawo ngeendawo kwiphondo leMpuma Koloni aza kufumana ithuba lokukhuphisana kwitumente enkulu ekuthiwa yiEngen Knockout Challenge eyaziwa ngokuvelisa abadlali abaziwayo ngoku.
Ngamakhwenkwe (Under-18) namantombazana (Under-20) aza kufumana ithuba lokudlala phantsi kweliso leentlola zebhola ekhatywayo kwitumente eza kudlalelwa okokuqala eDale College, eQonce, ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesithandathu ukuya ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe.
Amaqela aziwayo aza kuthatha inxaxheba aquka iChippa United, iHighbury FC neCity Strikers. UBrighton Mhlongo, ongunozakuzaku kaEngen Sport, ubongoze abantu baseMpuma Koloni ngelithi mabaye emidlalweni ngobuninzi bayokubukela abantwana babo.
"Sicela abantu baseMonti naseQonce ukuba bayokubukela itumente yethu eza kube idlalelwa eDale College ngobuninzi babo. Imidlalo yethu yebhola ekhatywayo iza kudlalwa ngamakhwenkwe namantombazana. Yizani nizokuvuyisana nathi nibone netalente yabantwana benu," utshilo uMhlongo.
Imidlalo iza kuqala ekuseni ngentsimbi yesibhozo. Eminyakeni egqithileyo, iEngen Knockout Challenge izenzele igama njengendawo ekubangulwa kuyo italente futhi ngenxa yalo nto, isisigqubu seemboni zetalente. UMlongo ubalule ukubhencwa kwetalente nethuba lokudlala kweyona tumente esemgangathweni ophezulu.
"Le tumente inika abantwana ithuba lokudlala nokukhulisa izakhono zabo zokudlala ibhola ekhatywayo. Enye into emnandi ngale tumente kukuba iquka wonke umntu. Lo nto inika wonke amathuba alinganayo ngoba iEngen Challenge ithi okwenza emakhwenkweni kwenze nasemantombazaneni.
"Yonke into apha iyalingana ngoba ngokwenza kwethu itumente efana nale sizama nokulwa nempathombi nezinye izinto ezimbi ezenzeka emakhaya. Kwelinye icala, siyavuya ngoba nabantu abathengisayo baye bafumane ithuba lokuzenzela imali.
"Nangona iliso lethu likuphuhliso lwabantwana abancinane esifuna bakhule bade badlale kwinqanaba eliphezulu ebholeni ekhatywayo, kodwa ukufunquka kweendawo zokuhlala nako kubalulekile," uvale ngaloo mazwi uMhlongo.