Ezemidlalo

Kuchukumiseke uKopo wachiphiza iinyembezi zovuyo ngomdlali wePirates!

Pedro Mapelo|Published

UKwanele Kopo, oqeqesha AmaTuks, uchukunyiswe kukukhula kukaOswin Appollis odlalela iPirates ngoku.

Image: Facebook

Owayekade eqeqesha iChippa United, uKwanele Kopo, uvakalise uchulumanco olukhulu ngethuba ethetha ngomtsi oya phambili othathwe nguOswin Appollis ebomini bakhe. UKopo uthethe noSABC Sport kutshanje emva kokuba uAppollis etyikitywe yiOrlando Pirates elungiselela isizini eza kuqala kwinyanga ezayo.

Imbali ithi nguKopo owathatha uAppollis ehleli kowabo wamfunela indawo yokudlala kwiPretoria Callies njengokuba ngoku engumdlali welinye lamaqela amakhulu ebholeni ekhatywayo yaseMzantsi Afrika jikelele. Emva kokugqwesa njengomdlali wasephikweni kwiPolokwane City iminyaka emibini ilandelelana, uAppollis uthathwe yiPirates equlela isizini enzima.

Akuphelelanga apho ngoba ungumdlali okuthenjelwe kuye nguHugo Broos kwiqela lesizwe. Nangona iPolokwane City ikwazile ukumgcina efunwa ngamaqela amaninzi, kodwa iPirates ikwazile ukumthathela kuyo. UKopo uncokole kutshanje neentatheli emva kokuba AmaTuks emenze umqeqeshi wawo omtsha. AmaTuks liqela lasePitoli elidlala kwiMotsepe Foundation Championship.

"Enyanisweni, ndiye ndavakalelwa ndakuva ukuba uOswin ungumdlali wePirates. Ndiye ndalila iinyembezi zovuyo ngoba usuka ebunzimeni. Ndimazi kakuhle apho asuka khona uOswin," utshilo uKopo ochiphize iinyembezi kwiSABC Sport.

UKwanele Kopo ngomnye wabaqeqeshi abavelise abadlali abaziwayo esekwiSuperSport United ebhangileyo ngoku. "Ndamthatha ndamenza umdlali wePretoria Callies kungekho mntu omfunayo. Wayehleli kowabo ekhuluphele. Samsebenza kwiCallies watsho wangundabamlonyeni emva kwesizini enye.

"USihlalo wePolokwane City wambona emva koko wamnika ithuba lokudlala kwinqanaba eliphezulu. Wenze umsebenzi omhle kuyo, ngoku ungumdlali weqela lesizwe lebhola ekhatywayo. Waqala ukudlalela iqela lesizwe (SA Under-23) esengumdlali weCallies.

Udlalele aBafana Bafana emva koko, ngoku udlalela elinye lamaqela amakhulu. Udlala kwiBetway Premiership, uza kudlala kwiCAF Champions League. Kum iyachukumisa into enje," utshilo uKopo echiphiza iinyembezi.