Iqela lesizwe loMzantsi Afrika libethe iGhana emdlalweni walo wokuqala weWafcon ngoMvulo wale veki.
Image: Facebook
Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lamantombazana liya emdlalweni wesibini weCAF Women's Africa Cup of Nations (Wafcon) bekhuthazekile emva kwesiqalo esihle. Oku kwenzeka emva kokuba aBanyana Banyana bequthise iGhana ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wokuvula itumente eHonneur Stadium, eMorocco, ekuqaleni kwale veki.
Amagowuli amabini ophumelele ngawo uMzantsi Afrika emdlalweni obalulekileyo afakwe ziziquququ ezibini, uLinda Motlhalo noJermaine Seoposenwe, kwinqatsini yelanga eOujda.
Njengeqela elikhusela indebe elayiphumelela kwiminyaka edlulileyo, bekubalulekile ukuphumelela kwaBanyana Banyana, ngakumbi bedlala neGhana enamandla futhi ekhuphisana nabo kakhulu ebholeni ekhatywayo yamanenekazi.
Igowuli lokuqala livele emva kokuba kuwiswe uNoxolo Cesane ebhokisini. UCesane uzenzele imbali ngokudibanisa amashumi amahlanu emidlalo edlalela iqela lesizwe. Njengokuba engekho uThembi Kgatlane, abadlali abafana noMotlhalo, Cesane noAndile Dlamini bazibonakalise emdlalweni wokuqala kwiWafcon.
Umqeqeshi weqela, uDesiree Ellis, unomsebenzi onzima ngoba kulindeleke iziphumo ezincomekayo abe enoxanduva lokuhlomela abadlali abatsha kwelinye icala ngenxa yokuguquka kwezinto.
Amantombazana aseGhana azamile ukulwela ukufumana igowuli kwisigaba sesibini esebenza ngamandla emdlalweni – kodwa afike uMzantsi Afrika ulungele zonke iimeko. "Ikwazile iGhana ukusicishilela ngoba besingakwazi ukuphuma emhlabeni wethu – kodwa izinto ziye zaguquka emva kokwenza iinguqu," utshilo uEllis emva komdlalo.
"Noxa ndingakwazanga ukuyibona kakuhle ipenela, kodwa ndibonile ukuba udlalwe kakubi umdlali wethu ebhokisini. Ndicinga ukuba sifumene igowuli lesibini ngexesha elihle. Siphantse salifumana negowuli lesithathu lokuvala umdlalo. Umdlalo wona ubunzima ngoba kuye kwanyanzeleka ukuba uAndile Dlamini avale iibhola eziliqela ezipalini.
"Kodwa sisoloko sisitsho ukuba siyawuphumelela umdlalo ekungafakwanga gowuli kuthi. Noxa ndingayidelanga iGhana, siseliqela elibhetele kunayo," utshilo umqeqeshi. ABanyana Banyana baza kuphumla ixeshana phambi kokudibana neTanzania ebusuku (20:00) ngoLwesihlanu.