Ezemidlalo

Wondlala okulindeleke kuye umqeqeshi wePirates

Pedro Mapelo|Published

UAbdeslam Ouaddou uzimisele ukugcina iOrlando Pirates iphumelela njengesiqhelo.

Image: Orlando Pirates

Umqeqeshi omtsha weOrlando Pirates, uAbdeslam Ouaddou, ufike wabe esondlala elubala izinto ezilindelekileyo kwisizini eza kuqala kwinyanga ezayo. Le ndedeba yaseMorocco ifika kwiPirates ezithendeni zikaJose Riveiro ongumqeqeshi weAl Ahly ngoku.

Njengokuba iPirates ivale iisizini ezintathu ineendebe ezintlanu, uAbdeslam uthi uza kugqibezela inkqubo eshiywe nguRiveiro owafika eMzantsi Afrika engaziwa nganto, kodwa ohambe eliqhawe kwabaninzi emva kokuzuza iindebe kuzo zonke iisizini azihleli kwiPirates.

"Siyabathembisa abalandeli, baza kubona iqela elidlala kakuhle kakhulu. Sizimisele ukulwela iindebe," utshilo umqeqeshi kudliwanondlebe alenze kwiPirates TV kwiveki ephelileyo emva kokufika kwakhe.

Nangona uAbdeslam engekabinazo iindebe phantsi kwegama lakhe, kodwa uqinisekile ukuba iPirates iza kudlalela ukuphumelela iindebe phantsi kwakhe. Le ndedeba, nefike kwisizini egqithileyo, ebiqeqesha iMarumo Gallants eqhube kakuhle kwiNedbank Cup noxa ingakhange ikwazi ukuyiphumelela.

Umqeqeshi omtsha uyazi ukuba abalandeli bePirates balindele lukhulu ngenxa yomsebenzi owenziwe ngumqeqeshi ohambileyo. "Siza kuba liqela elidlalela ukuphumelela. Ngumsebenzi omkhulu lo esijongene nawo ngoba iPirates yenze umsebenzi omhle eminyakeni egqithileyo. Siyavuyisana naye uRiveiro ngoba wenze umsebenzi omhle.

"Umsebenzi wethu kukugqibezela isicwangciso seminyaka emihlanu. Iindebe ziyafuneka kwaye ndiyawuthanda umsebenzi wam. Ndikulungele ukuwenza nangona kukho uxinizelelo," utshilo umqeqeshi.

Kulindeleke ukuba iPirates igxumeke iintente zayo eSpain apho iza kuzilolonga khona iiveki phambi kokuqala kwesizini. Yinqwaba yabadlali abatsha abafikisene nomqeqeshi kwiPirates. Phakathi kwabadlali abakhoyo kukho uOswin Appollis noSipho Mbule.

Bobabini ngabadlali abasemgangathweni ophezulu abaza kumnceda umqeqeshi kwiinzame zakhe zokuphucula iPirates. Njengokuba uMbule edume ngezinto eziphuma ecaleni, uAbdeslam uthembise ngokuqubisana naye ngendlela yakhe ekhethekileyo.