iSinenkani FC izimisele ukulwa neSafa kude kube sekugqibeleni.
Image: Facebook
Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association, khange usihoye isithintelo senkundla esithe makumiswe ukudlalwa kwemidlalo yokuxabangela yeABC Motsepe League (Play-offs).
Oku kuze emva kokuba iSinenkaani FC ufake isicelo esingxamisekileyo enkundleni yaseMonti esiphikisana nesigqibo seSafa esingqinibe yona neqela laseLimpopo emidlalweni yeABC Motsepe. UJaji Thembekile Malusi wayalela ukumiswa kwemidlalo ngoMgqibelo odlulileyo kude kugqitywe ityala elivulwe yiSinenkani neKakamas Juventus yaseNorthern Cape.
Imidlalo iye yadlalwa ngendlela ebicwangcise ngayo iSafa nangona bekukho umyalelo wenkundla eMonti. Okwenziwe yiSafa kuza kungayibuyisela umva ngoba iSinenkani ibiliphumelele ityala kwiveki ephelileyo - kodwa iSafa ayayiqwalasela into ethethwe yinkundla.
Emalanga ngeCawe edlulileyo imidlalo isongiwe kwaphuma neentshatsheli. Amaqela anyuselweyo yiThe Bees, iGomora United neMidlands Wanderers. Omathathu la maqela aza kudlala kwiMotsepe Foundation Championship ukuba izinto aziguqukanga.
Yonke le nto iqale mhla iSafa ingazange ichophele ngendlela eyiyo umba ophakathi kweSinenkani neFC Ravens owenzeka emdlalweni ekuqaleni konyaka. ISinenkani yabhenela enkundleni ngoba okwenzeka kula mdlalo kube negalelo ekungayini kwayo emidlalweni kazwelonke ebiseLucas Moripe Stadium.
Inkundla yasivuma isikhalo seSinenkani FC - kodwa iSafa yala ukwenza izilungiso. Kulindeleke ukuba kuphindelwe enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga. Ethetha kwiSABC Sport, uNathi Nqoko weSinenkani FC uthe wothukile iSafa eyenze ngayo izinto emva kokuphuma komyalelo wenkundla.
"Inkundla ithumele umyalelo wayo ngamagqwetha weSafa. Ndothukile xa ndibona imidlalo iqhubela phambili ngoba kukho lo ngumba obalulekileyo. Into emnandi kukuba inyewe yethu iza kuchotshelwa ziijaji ezintathu futhi ziza kuqinisekisa ukuba ingxani iyasonjululwa," utshilo uSihlalo weSinenkani.