Ezemidlalo

Aphumelele Amabhokobhoko - kodwa akonwabanga uRassie Erasmus

Pedro Mapelo|Published

UFaf de Klerk weSpringboks ebesidlala ne-Italy emdlalweni wovavanyo ebusePitoli..

Image: Timothy Bernard / Independent Newspapers

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo uvakalise ukungonwabisa kwakhe nangona iqela lakhe liphumelele. URassie Erasmus uzityande igila emva kokuba Amabhokobhoko evuthulule amaTaliyane (Italy) ngo'42-24 emdlalweni wovavanyo eLoftus Stadium, ePitoli, ngoMgqibelo odlulileyo.

Aphumelele Amabhokobhoko njengokuba bekulindelekile - kodwa indlela adlale ngayo ishiye abaninzi bengonelisikanga. Phakathi kwabantu abangakholwanga ngumqeqeshi othembise ngokuguqula izicwangciso zakhe phambi komdlalo olandelayo.

UMzantsi Afrika uye kwixesha lokuphumla ubethwa ngumoya ka28-3. Okuye kwamphatha kakubi umqeqeshi kukuba amaTaliyane ngawona adlale bhetele kwisigaba sesibini kunoMzantsi Afrika. "Ndicinga ukuba eyona nto ebhetele kukuba silele emgceni kathandathu - kodwa kwelinye icala siphoxekile yindlela iqela elidlale ngayo," utshilo uErasmus edanile emva komdlalo.

"Khange ndiqaphele ukuba yindlela esinokudlala ngayo le. Kodwa into ebalulekileyo kukuba ingalungiseka. Iyadanisa indlela esidlale ngayo. Njengokuba amaTaliyane ethe axhathisa ngendlela ebingalindelekanga kwiintshatsheli zehlabathi, uRassie Erasmus uthi uza kuyicinga ngokutsha indlela ebewucwangcisele ngawo umdlalo olandelayo eGqeberha.

"Sesinabadlali esicinga ukubadlalisa kwiveki ezayo. Abanye abadlalileyo baza kuba ngamalalela, kanti abanye baza kudlala. Kodwa asizimiselanga kubalahla abadlali abadlale kakuhle. Kungenzeka senze iinguqu ngoba sifuna ukumelanga namaTaliyane asebenzisa amandla. Kubalulekile ukuba nabadlali abaza kudlala kude kuphele ixesha.

Amataliyane asidlale ngendlela encomekayo kakhulu isigaba sesibini futhi afumene amanqaku amaninzi kunoMzantsi Afrika. Yiyo lo nto exhalabisa umqeqeshi phambi komdlalo wesibini.

"Ndidane kakhulu yindlela esidlale ngayo. Besisazi ukuba aza kulwa amaTaliyane macala onke futhi umdlalo ubusemgangathweni ophezulu. Akukho Ndlela esingazithethelela ngayo emva kwalo mdlalo kwaye indlela esiza kukhetha ngayo abadlali abaza kudlala iza kunika umdla. Umdlalo wethu ubungadibananga futhi ubungenalo ulwamvila," utshilo uRassie emva komdlalo.