UCalvin Le John ngumnikazi weSiwelele FC entsha emva kokuguqula igama leSuperSport United ayithengileyo.
Image: I'solezwe lesiXhosa
Emva kwexesha elide kusenziwa amaqashiso ngekamva leSuperSport United, side sabhengezwa isigqibo esithathiweyo. Khange sothuse ebantwini abaninzi ngoba besekulithuba elide kuthethwa ngokuthengiswa kwayo.
"ISuperSport International iqinisekisa ukuthengiswa kweSuperSport United namhlanje kwiSiwelele Football Club," itshilo ingxelo ekhutshwe emalanga izolo kumakhasi onxibelelwano. Emva kweminyaka engamashumi amathathu ananye idlala kwiPremier Soccer League, njengamaninzi amaqela, Amatsatsantsa abhangisiwe ngokusesikweni yinkampani eyawathenga ekuqaleni kwenkululeko yoMzantsi Afrika.
URendani Ramovha uthe uSuperSport uza kugxila emsebenzini wakhe wokuba ngumsasazi ophambili kwizwekazi le'Afrika. Bekulindelekile kakade ukuthengiswa kwayo iSuperSport United ngoba uMultiChoice ongumnikazi kaSuperSport International akaqhubi kakuhle kwezoshishino futhi kukho nento ethi angathengiselwa inkampani yaseFrance kulo nyaka okanye kunyaka ozayo.
Ukuthengwa kweqela lasePitoli bekungundabamlonyeni ngenxa yoMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, owathi ufuna kuvuswe iBloemfontein Celtic eyabhangayo nayo. Umnikazi weSiwelele FC kuthe kanti nguCalvin Le John ongunyana kaGayton McKenzie.
Ethetha emva kokuthenga iSuperSport United izolo, uLe John uthe: "Sinethamsanqa lokunikwa uxanduva lokuqhubela phambi nesithethe sokuba liqela eliphumelelayo. USuperSport noMultiChoice benze umsebenzi oncomekayo eminyakeni engamashumi amathathu esifuna ukuwugcina ukuba iPSL isipasisile isicelo sethu."
Imali ethengwe ngayo iSuperSport United iqikelelwa kumashumi amahlanu ezigidi zerandi (R50-million). Ukufa kweSuperSport United kushiya iMamelodi Sundowns yodwa ephuma ePitoli edlala kwiBetway Premiership. Kanti kwelinye icala, iSiwelele FC iyongeza eBloemfontein ngoba ngoku mabini amaqela akwiBetway Premiership.
IMarumo Gallants imilisele iintente zayo eBloemfontein kunyaka ophelileyo inethemba lokufumana inkxaso kubalandeli beCeltic. Kulindeleke ukuba iSiwelele FC ithi theca isicwangciso sayo mhlawumbi kwiveki ezayo emva koko ibhengeze abaqeqeshi. Akukacaci ukuba bangaphi abadlali abathengwe negama.