iMagesi FC ibhengeze uJohn Maduka njengomqeqeshi wayo namhlanje.
Image: Facebook
Emva kweveki iqela laseLimpopo lohlukene nomqeqesho walo, namhlanje libhengeze igama lomqeqeshi omtsha. UJohn Maduka yindoda enikwe uxanduva lokuxhuzula iintambo kwiMagesi kwisizini eza kuqala kwinyanga ezayo.
Yena usuka KwaZulu-Natal - apho ebeqeqesha khona iRoyal Am ebhangileyo ngenxa kaShaun Mkhize obekweleta uSars imali yerhafu eqikelelwa ngaphezulu kwamashumi amane ezigidi zerandi (R40-million). Iqela likaMamkhize lathinjwa nguSars emva koko lagxothwa yiPremier Soccer League.
UMaduka, 54, ungena endaweni ka-Owen Da Gama obengumqeqeshi weMagesi FC kwisizini egqithileyo. Isizathu sokuhamba kwakhe asichazwanga kwiveki ephelileyo. Kuthiwe kohlukwene ngesihle kuphela. Emva koko, kulandele inqwaba yabadlali abakhululweyo.
Njengokuba uDa Gama wathatha iintambo iMagesi ingaqhubi kakuhle kuClinton Larsen, waye wayinceda yaliphepha izembe. Ukuhamba kwakhe kuye kothusa abantu abaninzi ebholeni ekhatywayo ngoba yena ukwazile ukunceda iqela esebenzisa abadlali abakhoyo.
Umsebenzi kaMaduka iya kukuthatha iqela alingenise kwiTop-8 yeBetway Premiership kwisizini ezayo. Kodwa omnye umsebenzi iya kukuzama ukukhusela indebe yeCarling Knockout ephunyelelwe nguLarsen kunyaka ophelileyo.
Njengokuba kuye kwamka abadlali abaninzi, akukacaci okwangoku ukuba ngoobani abadlali abaza kungena kwiindawo zabo. IMagesi FC izenzele igama kwisizini yayo yokuqala kwiBetway Premiership ngokusokolisa onke amaqela amakhulu ebhole ekhatywayo eMzantsi Afrika.