iSinenkani FC ayikholwanga sisigqibo esithathwe yiSafa
Image: Facebook
Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iSinenkani FC, lithembisa ngokubuyela enkundleni ngesantya esiphezulu kwakhona. Oku kulandela isigqibo seSouth African Football Association sokuguzula iSinenkani FC yaseMpuma Koloni nelinye laseLimpopo emidlalweni yokuxabangela yeABC Motsepe League (national Play-Offs).
Amaqela amabini axhayiweyo ebesezinkundleni - apho ebesilwa neSafa. Yona iSinenkani iliphumelele idabi ebeliphakathi kwayo neSafa. Enkundleni ibikhala ngokungekho mthethweni okwabethwa ngoyaba ngabaphetheyo emdlalweni eyawudlala neFC Ravens ekuqaleni kwalo nyaka.
Izolo, uAdv. Tebogo Montlanthe ukhuphe isaziso esithi iSafa iza kuqhubela phambili nokudlalisa amaqela asixhenxe emidlalweni yokuxabangela (National PlayOffs). Lo nto ithethe ukuthi amaqela abeye ezinkundleni esilwela iindawo zawo akhatyelwe ecaleni kungaqwalwaselwanga izigqibo zenkundla.
Ayikwazanga ukusamkela eso sigqibo iSinenkani FC emva kokuphumelela ityala enkundleni yaseMonti ngoLwesibini wale veki. USihlalo wayo, uNathi Nqoko, uza kuyalela amagqwetha wakhe ukuba abuyele enkundleni aphikise isigqibo esithathwe yiSafa, itshilo ingxelo ekhutshwe liqela kumakhasi onxibelelwano.
"Inkundla yaseMonti iwugqibile umba ebesisilwa ngawo. Asilinikwanga ithuba lokudlala umdlalo wokugibela apha eMpuma Koloni obuza kucacisa iqela eliya emidlalweni yokuxabangela kuzwelonke. Silindeimpendulo, ukuba asoneliseki siza kubuyela enkundleni," utshilo uNqoko othe ngeke kudlalwe ngaphandle kweqela laseMpuma Koloni nelaseLimpopo.
"Ndifuna ukubeka kucace ukuba kuyasothusa okugqitywe yiSafa. Akukho semthethweni ukuvalela ngaphandle amaqela amabini ithuba lokuthatha inxaxheba kwitumente eqhubekayo. Ayikwazi imidlalo yokuxabangela ukudlalwa engekho amanye amaqela," utshilo uNqoko.