Ezemidlalo

Iqhubela phambili imidlalo yeABC Motsepe noxa kusekho amatyala

Pedro Mapelo|Published

Imidlalo yeABC Motsepe League yokuxabangela iqhubela phambili noxa kusekho iingxaki.

Image: Facebook/Safa

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association (Safa), ugqibe kwelokuba uqhubele phambili nokudlalwa kwemidlalo yokuxabangela (ABC Motsepe National Playoffs) ngendlela ebekucwangciswe ngayo ngaphambili.

Oku kwenzeka nakubeni kusekho amaqela alwa ezinkundleni kumaphondo amabini, iMpuma Koloni neLimpopo. Imidlalo yokuxabangela ngoLwesibini wale veki isemabaleni amabini iGiant Stadium neLucas Moripe Stadium, ePitoli emva kokususwa kwayo eTsakane Stadium eseKurhuleni.

Amaqela adlalayo ngoku ePitoli ngoku aquka iGomora United yaseGauteng, iAfrican Warriors yaseFreyistata, iZizwe United yaseNtshona Koloni, iMidlands Wanderers yaKwaZulu-Natal, iThe Bees yaseMpumalanga, iKakamas Juventus yaseMntla Mpuma neThames FC yaseMntla Ntshona.

ELimpopo, iSunrise FC ibhenele enkundleni kuba isithi bekufanele ukuba yiyo ephumeleleyo kwiABC Motsepe futhi bekufanele ukuba yiyo edlale neMpheni. Ukuba ityala ligqityiwe, umdlalo ungaphakathi kweSunrise FC neMpheni okanye iDolphins namhlanje emini.

Kanti eMpuma Koloni, iSinenkani neSafa zilwa ngomdlalo ongazange uhambe kakuhle ngenxa yodushe. Umdlalo wawuphakathi kweSinenkani neFC Ravens ekuqaleni kwalo nyaka. Iintshatsheli ibiyiFC Ravens – kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba kume yonke into ngenxa yeSinenkani ethi kula mdlalo kwasetyenziswa umncedisi kasompempe ongafanelekanga.

Imidlalo ebiza kudlalwa yiFC Ravens ihlehlisiwe ide ikhuphe isigwebo inkundla yaseMonti ngoLwesihlanu. Ngenxa yamatyala asezinkundleni kumaphondo amabini, iSafa iguqule izicwangciso kancinci – kodwa eminye imidlalo iqhubela phambili.

Ezinye zezizathu ezibangela iSafa ingakwazi ukulinda okwenzeka kwiinkundla zamaphondo amabini kukuba liyaphela ixesha. Kwinyanga ezayo kufuneka kuqale isizini entsha futhi kwelinye icala kukho izivumelwano nabaxhasi beSafa abalindele izinto zenzeke ngenxesha ebelibekiwe.