Ezemidlalo

Bathe cwaka abaphathi beSuperSport United ekuthiwa ithengisiwe ngeR50-million

Pedro Mapelo|Published

Kuthiwa iSuperSport United ithengisiwe futhi iza kufudukela eBloemfontein apho iza kuba yiCeltic United.

Image: SS United

Ingaba kufike isiphelo seSuperSport United? Lo ngumbuzo ongaphendulekiyo emva kokuthi tshitshilili kweendaba ezithi ithengisiwe ekuqaleni kwale veki. Iingxelo zithi iSuperSport ithengiswe ngemali eqikelelwa kumashumi amahlanu ezigidi zerandi (R50 million) kusomashishini ongachazwanga ngegama ozimisele ukuyifudusela eBloemfontein.

Ezi ngxelo zidizwe nguRobert Marawa kwinkqubo yakhe kanomathotholo. Nangona abadlali bebuyele enkampini, abaphathi beSuperSport United abakaqinisekisi nto ngokuthengiswa kwayo. Sekulithuba elide kukho amahumhum athi iSuperSport United iza kuthengiswa.

UStan Matthews wawakhaba loo mahumhum kwiinyanga ezidlulileyo njengento engekhoyo. Kodwa ngoku kukhangeleka ngathi Amatsatsantsa aza kubhanga emva kwamashumi amathathu eminyaka edlala kwinqanaba eliphezulu ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika.

Okwenza kubekho ukuthandabuza kukuba iSuperSport United yekaMultiChoice Group ekulindeleke ukuba athengiselwe inkampani yaseFrance ungaphelanga lo nyaka okanye kunyaka ozayo. Ngokutsho kukaRobert Marawa, iqela liza kuguqulwa libe yiCeltic United ngoba igama elithi Bloemfontein Celtic linomnikazi walo osazimisele ukubuyela kushishino lwebhola ekhatywayo.

"IBloemfontein Celtic ibuyela kwiPremier Soccer League. Oku kwenzeka emva kokuba usomashishini waseBloemfontein ethenge iSuperSport United ngamali engamashumi amahlanu ezigidi zerandi (R50 million). Emva kokupasiswa kwentengo, iza kunikwa igama elithi Celtic United," itshilo ingxelo ekhutshwe nguRobert Marawa.

Amatsatsantsa azenzele igama njengeqela elikwaziyo ukuthatha iindebe kwiPSL. Eminyakeni engamashumi amathathu, athathe iindebe zeBetway Premiership izihlandlo ezithathu, iindebe zeNedbank ezintlanu, enye yeTelkom Cup nezintathu zeMTN8.

Ukubhanga kweSuperSport United iya kuba ziindaba ezimbi ebholeni yaseMzantsi Afrika ngoba ibigqwese kakhulu kwicala lokuvelisa abadlali abathe banceda amaqela amakhulu namaqela esizwe. Ukuthengiswa kwayo kulindeleke ukuba kupasiswe sisigqeba esilawulayo sePSL.