UKurt-Lee Arendse ngomnye wabadlali abancede iSpringboks ebethe iBarbarians kwiveki ephelileyo.
Image: BackpagePix
URassie Erasmus uya emdlalweni wovavanyo ngeqela elomeleleyo futhi elinomahluko kwalidlalise kwimpelaveki egqithileyo. Amabhokobhoko aza kudibana neItaly emdlalweni ekuza kudlana iintsimbi kuwo eLoftus Stadium ekulindeleke igcwale ime ngeembambo ngoMgqibelo emalanga.
Nangona iqela likaRassie Erasmus liqhube kakuhle emdlalweni obuseKapa – kodwa wenze iinguqu ngoba uza kudibana neqela elomeleleyo. USiya Kolisi akazukwazi ukudlala kwakhona ngenxa yokonzakala okumehlele kwiveki ephelileyo.
Abadlali ababuyisiweyo baquka uEben Etzebeth, uDamian Willemse, uFaf de Klerk noHandre Pollard. Omnye wabadlali abenze umsebenzi oncomekayo emdlalweni odlulileyo, uVincent Tshituka, uza kunikwa ithuba lokuqala umdlalo wovavanyo okokuqala kwiqela lesizwe.
UJesse Kriel uza kukhokela Amabhokobhoko kwakhona njengokuba engekho uKolisi. UMzantsi Afrika uya emdlalweni olandelayo ukhuthazekile emva kokubhulela amasaka iBarbarians ngo54-7 emdlalweni obunzima eDHL Stadium, eKapa.
UCheslin Kolbe oyinkathazo, uKurt-Lee Arendse noDamian de Allende ngabanye babadlali abakwazileyo ukugcina iindawo zabo kwiqela eliza kuqala umdlalo ngoMgqibela emalanga. "Sineqela elikhulu; ngumnqweno wethu ukudibanisa abadlali abaqhube kakuhle nabanye abanamava ukuze singaphulukani nendlela esidlale ngayo.
"Siyakholelwa ukuba sichonge abadlali abaza kuwenza kakuhle umsebenzi emdlalweni esiza kudibana kuwo neItaly. Sivuyiswa kukufumana abadlali abanamava nabafuna ukuzenzela igama emdlalweni olandelayo," utshilo uRassie Erasmus.
Uthe uJesse wenze umsebenzi omhle endaweni kaSiya owonzakeleyo. "Uye wehlelwa lilishwa lokonzakala uSiya. Kodwa akukho ngxaki ngoba uMarco wenze umsebenzi omhle endaweni yakhe kwiveki ephelileyo. Sinethamsanqa ngoba sinabadlali abaninzi kuzo zonke iindawo.
"Xa omnye umdlali engekho, sineenkokeli ezininzi. Indlela asebenze ngayo uJesse siyithandile. Ungumdlali ongumzekelo omhle ebaleni," utshilo umqeqeshi olebele ngelithi uTshituka ukufanele ukufumana ithuba lokudlala umdlalo wovavanyo emva kokudlala kakuhle eKapa.