AmaZulu amkele uSimo Dladla njengesekela mqeqeshi omtsha emva kokunceda iDurban City kwisizini egqithileyo.
Image: AmaZulu
Iinyembezi zosulwe kwangoko kuSimo Dladla onikwe uphumaphele yiDurban City FC emva kokuyenza iintshatsheli. Ekuqaleni kwale veki, AmaZulu abhengeze uDladla njengesekela lomqeqeshi oyintloko, uArthur Zwane.
UDladla uchithe isizini egqithileyo kwiDurban City egqugqise kwiMotsepe Foundation Championship yatsho yanyuselwa kwiBetway Premiership emva koko. Nangona enze umsebenzi oncomekayo nje, umnikazi weqela khange amnike ithuba lokuqeqesha iDurban City kwiBetway Premiership.
AmaZulu, awayedlalela wona ngeentsuku zakhe zobutsha, amamkele ngezandla ezifudumeleyo. "Kuluvuyo ukwazisa ukuchongwa kukaSimo Dladla njengesekela lomqeqeshi oyintloko. UDladla ufika kuthi emva kokunceda iDurban City enyuselwe kwiBetway Premiership.
"Akemtshanga kweli qela lethu ngoba wayengumdlali walo ngaphambili," itshilo ingxelo ebhaliweyo ekhutshwe liqela. UDladla ulamkele ngovuyo ithuba alinikiweyo watsho evakalisa nochulumanco lokusebenza nomqeqeshi ofana noArthur Zwane.
"Ndilamkela ngovuyo olukhulu ithuba lokusebenza apha. AmaZulu liqela elikhulu futhi elifuna impumelelo. Ndizimisele ukwenza eyam indima kakuhle," utshilo uDladla ongena endaweni eyashiywa nguVusumuzi Vilakazi owayefike ngaxeshanye noZwane.
Wahamba isizini ingekapheli, kwanyanzeleka ukuba uZwane ayirhuqe yedwa inqwelo kwade kwasekugqibeleni. Nangona imphoxile iDurban City – kodwa uDladla akathethanga kakubi ngayo. "Into endingayithetha kukuthi ndiyalibulela ithuba abandinike lona. Ndiye ndafumana ithuba lokubonisa abantu into endingayenza," utshilo uDladla.
AmaZulu abuyele enkampini njengokuba kusondela ixesha lokuvulwa kwesizini entsha. Yimfumba yabadlali echithiweyo ekupheleni kwesizini. Phakathi kwabadlali abahambileyo kukho uVeli Mothwa, uRamahlwe Mphahlele, Etiosa Ighodaro, uWayde Jooste noSifiso Ngobeni.
Omnye umdlali othathwe yiPirates kwiveki ephelileyo nguTshepang Moremi. Kulindeleke ukuba AmaZulu abhengeze amagama wabadlali abatsha kungekudala.