Ezemidlalo

Amakhosi amthengele izixhobo ezitsha uNasreddine Nabi

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi abhengeze amagama wabadlali abatsha ekuqaleni kwale veki eNaturena, eGoli.

Image: KC/Facebook

Kukhangeleka ngathi Amakhosi azimisele ukumnika zonke izixhobo aza kuzidinga umqeqeshi phambi kokuqala kwesizini kwinyanga ezayo. Oku kubonakele ngethuba ebhengeza abadlali abafikayo abathathu abadlala kwiindawo ezahlukileyo.

Abadlali abatsha nguFlavio Silva wasePortugal obedlalela iPersebaya Surabaya yaseIndonesia. Owesibini nguNkanyiso Shinga osuka kwiFC Alverce yasePortugal kuze kulandele uEthan Chislett owazalelwa apha eMzantsi Afrika nangona engummi waseNgilane ngoku.

Ukufika kwabadlali abatsha kulandela isicelo sikaNabi sokuthengelwa abadlali emva kokuba iKaizer Chiefs iphinde yavala isizini ingaphandle kweTop 8. Khange bayithande abalandeli beChiefs loo nto – kodwa baxoliswe kukuba uNabi ukwazile ukugweba indlala yeminyaka elishumi ngokuphumelela indebe yeNedbank kwinyanga kaCanzibe.

Enye into ebangela iChiefs inyanzeleke ukuba ithenge abadlali abatsha kukuba iza kudlala imidlalo yeCAF Confederation Cup emva kokuba iphumelele iNedbank Cup eyabetha kuyo iPirates. Kukhangeleka ngathi abaphathi beChiefs bazimisele ukuzivala zonke iindawo ebeziyingxaki kakhulu kwisizini egqithileyo.

UBradley Cross ngomnye wabadlali abangakwazanga ukudlala ngendlela eyanelisayo kwicala lasenxele emva. UShinga, oyinzalelwane yaseThekwini kodwa enethuba elide edlala ePortugal, uza kuvala indawo kaCross. Kanti kukho noPaseka Mako ekuthiwa uza kudlalela iChiefs kwisizini ezayo.

Enye indawo ebiyingxaki kakhulu kuphambili. Iifolosi zeChiefs bezingakwazi ukufaka amagowuli ngendlela encumisayo. Ukufika kukaSilva kuza kunceda phambili. Kuthiwa ufake amagowuli alithoba emidlalweni engamashumi amathathu anesithathu, amashumi amathathu amagowuli kwiqela alidlalele phambi kokuya kwiSurubaya.

Uza kungena endaweni kaRanga Chivaviro oye wakhululwa kwinyanga ephelileyo. Yena uChislett uza kuqinisa esiswini. Unconywa kakhulu kwicala lokukhabela ezipalini nokufaka amagowuli. Amakhosi amfumene emva kokudlala kakuhle kwiPort Vale. Iqela liza kundulukela eNetherlands apho liza kuziqeqesha khona iiveki ezimbini zonke.