Ezemidlalo

URassie Erasmus wonelisekile ngumsebenzi owenziwe ngaMabhokobhoko

Pedro Mapelo|Published

USacha Feinberg-Mngomezulu noVincent Tshituka bedlala emdlalweni Amabhokobhoko abethe kuwo iBarbarians ngoMgqibelo odlulileyo eKapa. | AYANDA NDAMANE/Independent Newspapers

Image: AYANDA NDAMANE/Independent Newspapers

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo uvakalise ukoneliseka ngumsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe ngempelaveki edlulileyo. Iintshatsheli zehlabathi zinkule kanobom iBarbarians ngo'54-7 emdlalweni obutshayelela isizini entsha eDHL Stadium, eKapa.

Amabhokobhoko khange aqhelisele ukusukela kwisigaba sokuqala somdlalo asivale ehamba phambili ngo'19-0. UCheslin Kolbe, uMalcolm Marx noVincent Tshituka ngabadlali abayonzakalise kakubi iBarbarians emdlalweni odlalwe engqeleni ebineveki ivalele abantu.

URassie Erasmus usebenzise imiqheliswa efana noTshiituka edlale ngathi ineminyaka idlalela Amabhokobhoko phambi komdlalo omkhulu ozayo. Lo ngumdlalo oza kutaka iintlantsi ophakathi koMzantsi Afrika ne-Italy emalanga ngoMgqibelo, eLoftus Stadium.

Ethetha emva komdlalo eKapa, umqeqeshi uthe iqela lakhe lenze umsebenzi omhle kakhulu - kodwa wayibeka yacaca into ethi akukho nto engaphaya kodwa ngokwenzeke emdlalweni. "Siyazi sonke ukuba iBarbarians ziqokelelwe kuveki ephelileyo," utshilo uErusmus.

"Siyakuvuyela ukuphumelela umdlalo - kodwa siyayiqonda imeko edlale engaqhelekanga edlale phantsi kwayo iBarbarians. Okubalulekileyo kuthi kukuba sikwazile ukudlala ngendlela encomekayo.

"Ndonelisekile yindlela iqela elidlale ngayo phambi komdlalo wovavanyo kwiveki ezayo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo ogqithileyo. Uncome kakhulu uJesse Kriel obenguKapteni emdlalweni emva kokurhoxa kukaSiya Kolisi ngenxa yokonzakala.

URassie Erasmus ulumkise iqela lakhe ngelithi ingadelelwa i-Italy ebhulele amasaka iNamibia ngo'73-6 ngoLwesihlanu ogqithileyo. "Asingeke siphazanyiswe ngulo mdlalo phambi kweyovavanyo. Besidlala nje neqela eliziqeqeshe iintsuku ezimbalwa. INamibia ibethwe yi-Italy le esiza kudibana nayo.

"Ndiyazi ukuba ibidibene neNamibia emdlalweni ongekho kwinqanaba eliphezulu - kodwa siyibonile indlela edlala kakuhle ngayo. Ndicinga ukuba siza kuqinisa indlela esidlala ngayo ngoba siza kusokola xa kuqala iRugby Championship. Sifuna ukudlala umdlalo obhetele," uvale ngaloo mazwi uRassie Erasmus.