USihlalo weCape Town City, uJohn Comitis, uthi uza kumangalela iPremier Soccer League ngokophula umthetho wayo.
Image: Facebook
Emva kokuthotyiselwa kweCape Town City kwiveki ephelileyo, uMnu. John Comitis uthi ukuthenga elinye iqela yinto ayiqwalaselayo. Oku kwenzeka emva kokuba iCape Town City yoyiswe yi'Orbit College enyukele kwiBetway Premiership emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni yokuxabangela (PSL Play-Offs).
Iqela laseKapa liye lanikwa ithuba lesibini lokulwela ukuhlala kwiBetway Premiership emva kokuba livale isizini lihleli kwindawo yeshumi elinesihlau. Ukuthotyiselwa kweCity yinto abangakhange bayicinge abantu abaninzi ngoba ibisoloko iqhuba kakuhle eminyakeni edlulileyo.
Ibiyisizini embi ngamandla eKapa ngoba kuthotyiselwe amaqela amakhulu. Njengokuba iCity isiwe ezantsi kwiMotsepe Foundation Championship, yona iCape Town Spurs ithotyiselwe kwiABC Motsepe League.
UComitis akakuchasanga ukuthenga elinye iqela ukuze ahlale kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo. Wayenze njalo ngo2016 ngethuba ethenga iMpumalanga Black Aces awaye wayijika yayiCape Town City ephumelele iindebe ezimbini ukusukela ngoko.
"Yinto esingayenza ukuthenga elinye iqela ngoba lo nto ivumelekile kwiPSL. Okubalulekileyo kum kukunceda abadlali bafumane ithuba lokudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu. Ndineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ndiyenza le nto. Ndinabadlali abadlalela amaqela ezizwe abangafuniyo ukuya ezantsi.
"Bafuna ukudlalela iqela eliphezulu. Ayimbanga lo nto ngoba ngabadlali abasemgangathweni ophezulu futhi nathi senza ushishino ebholeni. Wonke umntu uyakwazi ukuxhamla," utshilo uMnu. Comitis ethetha kwinkqubo kanomathotholo waseGoli kutshanje.
"Wonke umntu uyaxhamla xa kuphumelele umdlali osuka kumaqela wethu ophuhliso futhi yinto esiyenze amashumi amathathu onke eminyaka," utshilo umnikazi weCape Town City engazange yavala isizini ingaphandle kwiTop-8 ngaphambili.
Kothuke abantu abaninzi kokwenzeke kwiCity kwisizini egqithileyo ngoba umthetho wayo liqela elizinzileyo nangokwasezimalini. Ukuthotyiselwa kwayo kushiya iStellenbosch FC ikuphela kweqela lebhola ekhatywayo kwiBetway Premiership ngoku kwiphondo laseNtshona Koloni.