Umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis, unethemba lokuhle kwiWafcon yalo nyaka.
Image: Backpagepix
Emva kokuhlehliswa kwayo kunyaka ophelileyo, iWomen's Africa Cup of Nations (Wafcon) iza kuqala ngokusesikweni ngomhla wesihlanu kwinyanga yeKhala, eMorocco. UMzantsi Afrika, oziintshatsheli ezikhuselayo, uphakathi kwamazwe aza kuthatha inxaxheba kwakhona ukusukela kule veki ukuya empelanyanga.
Iqela likaDesiree Ellis liya kwiWafcon yalo nyaka liqhwalela ngenxa yokungabikho komdlali obalulekileyo uThembi Kgatlana engayanga eMorocco ngenxa yenxaki engachazwanga. Nangona kunjalo, aBanyana Banyana baza kudlalela ukukhusela indebe yabo.
Emdlalweni wabo wokuqala kuGroup C, baza kudibana neGhana ngomhla wesixhenxe (ngomso). Kubalulekile ukufumana iziphumo ezincumisayo emdlalweni wokuqala ukuze kubekho amandla ukuya phambili.
UDesiree Ellis unethemba lokuba abanye abadlali baza kulithathela kubo uxanduva lokuqinisekisa ukuba iqela liyaphamelela njengokuba engekho omnye wabadlali abaoyikwayo ebholeni yamantombazana kwizwekazi le'Afrika.
"Ngonyaka ka2022, bakhona abadlali abagqamayo kwizigaba zokugqibela zetumente (Wafcon). Ukuba uyakhumbula kunyaka ophelileyo, siye eSenegal sineqela elahlukileyo. Sadibana neDenmark sisebenzisa iqela elahlukileyo. UThembi wathatha indawo kaHilda Magaia sidlala neNgilane.
"Emva koko sadlala neJamaica sisebenzisa abadlali abatsha abaninzi. Imidlalo esiyidlale kulo nyaka, siyidlale bengekho abadlali abadala. Ukungabikho kukaThembi kunganendawo - kodwa sibonisile ukuba siyakwazi ukuqingqa bekho abanye abadlali," utshilo uDesiree Ellis kwiSABC Sport.
Ekufikeni kwabo eMorocco ngempelaveki edlulileyo, aBanyana Banyana bathe abazukujima kude kusonjululwe umba wentlawulo. Ikhawulezile iSouth African Football Association (Safa) yasabela. ULydia Monyepao ukhuphe isaziso esithi yonke into isonjululwe kwaye abadlali bayazilolonga eMorocco.
"Sesithethile noKapteni ngomba wentlawulo yabadlali yemidlalo egqithileyo. Kuvenwe ngayo yonke into ngoba sizibophelele kwizigqibo zethu zokubhatala zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu," utshilo uMonyepao.