Ezemidlalo

UCardoso uyazingca ngomsebenzi weSundowns noxa ikhutshiwe kwiFIFA Club World Cup

Pedro Mapelo|Published

UMiguel Cardoso ubaqhwabele izandla abadlali beMamelodi Sundowns abadlale kwiClub World Cup.

Image: Mamelodi Sundowns

Nangona iMamelodi Sundowns ibuyela ekhaya emva komdlalo wayizolo, umqeqeshi wayo uyincomile indlela abadlali bakhe abadlale ngayo. UMiguel Cardoso uvakalise izimvo zakhe emva kokuba iSundowns ibambene ngenqanda neFluminense emdlalweni weFIFA Club World Cup obuyizolo eHard Rock Stadium.

Bekunyanzelekile ukuba iSundowns iphumelele ukuze ikwazile ukuya kumjikelo olandelayo. Ukungakwazi kwayo kuthethe ukuthi akukho qela eliphuma e'Afrika elidlulele phambili. Ibuyela ekhaya iSundowns yenze umsebenzi ongcono kunelinge layo lokuqala kwiFIFA Club World Cup.

Emdlalweni wokuqala kuGroup F, iSundowns yabetha iUlsan HD ngegowuli elinye eqandeni eFlorida. Kolandelayo, yabethwa yiBorussia Dortmund ngamagowuli amane kwamathathu. Idlale kakuhle nakowokugqibela - kodwa ayikwazanga ukufumana igowuli lokuphumelela umdlalo.

"Amanye amaqela eze apha aphinda agoduka nelize. Thina sigoduka sifumene amanqaku amane," utshilo uCardoso eqhayisa ngomsebenzi weqela lakhe. Uyibethelele into ethi nakubeni iSundowns ibuyela ekhaya - kodwa ibidlala namaqela asemgangathweni ophezulu kakhulu.

"Abantu abangayilandeliyo ibhola yamanye amazwe, ndiyabamema ukuba bajonge umgangatho wamaqela esidlale nawo ukuze babone inqanaba ebidlala kulo iSundowns kwiClub World Cup. Noxa singadlulelanga phambili - kodwa sifunde okuninzi futhi neqela laziwa lihlabathi lonke ngoku," utshilo uCardoso phambi kokuthetha ngenkqubela eyenziwe liqela lakhe.

"Sidlale kakuhle kakhulu. Asibuyi nanto ngoba besidlala namaqela omeleleyo. Besingenza ngcono - kodwa siza kulala kakuhle emva komsebenzi esiwenzileyo.

"Ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe ngabadlali naye wonke omntu oxhasa iqela. Esikwenzileyo apha kuza kukhunjulwa naseminyakeni ezayo. Umgangatho wethu uza kufunquka ngoba kufanele kube njalo ngoku ndiselapha," utshilo uCardoso emva komdlalo wayizolo.