Ezemidlalo

Umqeqeshi omtsha unikwe isiqwayi somdlali yiPirates!

Pedro Mapelo|Published

UMQEQESHI omtsha we'Orlando Pirates, uAbdeslam Ouaddou, exhawula kwangene angene endaweni yakhe, uJose Riveiro, emva komdlalo weBetway Premiership kwisizini edlulileyo.

Image: Isithombe: BACKPAGEPIX

Ekuqaleni kwale veki, i'Orlando Pirates yenze izibhengezo ezibalulekileyo phambi kokuqala kwamalungiselelo esizini entsha. Kuqalwe ngokubhengezwa kuka-Abdeslam Ouaddou njengomqeqeshi oyintloko wePirates.

Uthatha isihlalo esishiywe nguJose Riveiro ofudukele eYiphutha - apho afumene khona amadlelo aluhlaza kwinyanga ephelileyo. Umqeqeshi omtsha wePirates akemtshanga ncam ebholeni yaseMzantsi Afrika ngoba uchithe isiqingatha sesizini kwiMarumo Gallants ayisindise ezembeni.

Nangona uAbdeslam Ouaddou waseMorocco engenazo iindebe phantsi kwegama lakhe, iPirates imnike uxanduva inethemba lokuba uza kwenza umsebenzi oncomekayo ngokufanayo nakwiMarumo Gallants.

Naye uJose Riveiro wanikwa ithuba yiPirates esengumqheliswa womqeqeshi - kodwa uyishiye ineendebe ezintlanu zonke kwisithuba esingaphezulu kancinci eminyakeni emibini. Ukufumana ithuba lokuqeqesha iPirates yinto enkulu nakowuphi umqeqeshi ngoba liqela elikhulu.

Okuza kumchulumancisa ngakumbi kukufika kukaSipho Mbule obeke wathetha ngaye kwiiveki ezidlulileyo njengomdlali angathanda ukusebenza naye nakubeni esaziwa ngeengxaki zokuziphatha kakubi. UMbule utyikitywe yiPirates wabe sebhengezwa emini maqanda izolo.

Omnye umdlali uOuaddou avakalise umnqweno wokusebenza naye nguNeo Maema odlalela iMamelodi Sundowns. "UMbule ngomnye wabadlali endibathandayo ngenxa yendlela adlala ngayo ebaleni," utsho uAbdeslam kwinkqubo kaRobert Marawa kutshanje.

Akukho kuthandabuza, uMbule ngumdlali onesiphiwo sokudlala - kodwa iSundowns neSekhukhune United ziye zamchitha ngenxa yeengxaki zakhe angakwaziyo ukuzoyisa. "Ndiyazi ukuba indlela aziphetha ngayo ayilunganga - kodwa abadlali abanjeya bafuna kusondelwe kubo.

"Kufuneka kusatyelwe ingxaki anayo umdlali kubekho nendlela yokuqwalasela ngokutsha indlela aphila ngayo. Ndicinga ukuba uSipho ngumdlali endingathanda ukubanaye kwiqela lam," kutsho uAbdeslam kutshanje.