Amabhokobhoko elungiselela ukudibana neBarbarians emdlalweni oza kubanjelwe eDHL Stadium, eKapa.
Image: Springboks
Ngabadlali abane bonke abaza kufumana ithuba lokudlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo okokuqala emdlalweni wokuqala kulo nyaka. Oku kuza kwenzeka xa Amabhokobhoko eswantsulisana neBarbarians emdlalweni oza kube ubanjelwe eDHL Stadium, eKapa, emalanga ngoMgqibelo wale veki.
URassie Erasmus ugqibe kwelokuba abeke ecaleni ezinye zeziqwayi zakhe zabadlali ekudala esebenza nabo ukuze anike ikhaba elitsha labadlali ekunokwenzeka aye nalo kwitumente yehlabathi.
Abadlali abafumene ithamsanqa baquka uVincent Tshituka owazalelwa eDemocratic Republic of Congo - kodwa wakhulela eMzantsi Afrika, Asenathi Ntlabakanye, uMarnus van der Merwe odlalela iScarlets yaseWales noNeethling Fouche.
Yonke le miqheliswa ingena kwiindawo zabadlali beSpringbok abangekhoyo ngenxa yokonzakala. Emva kokuchitha ixesha elide kwinkampu yeqela lesizwe, umqeqeshi uthi aba badlali abatsha bangene bathi gingci kwindlela elidlala ngayo iqela lakhe.
"Bonke abadlali abatsha esibanike ithuba lokuqala umdlalo bayiqonda ngokupheleleyo indlela yethu yokudlala. Ngoku sifuna benze umsebenzi emdlalweni," utshilo uErasmus emva kokubhengeza uluhlu lamagama abadlali abaza kuqala umdlalo.
"Umdlalo ozayo usinika ithuba lokubabona abadlali xa bedibene neqela elinabadlali abanamava embhoxweni. Lo ngumdlalo ongekho phantsi kweWorld Rugby - kodwa siya kuwo sizimisele ngoba iziphumo ezihle ziza kusinceda kakhulu kwisizini esiza kungena kuyo," utshilo uErasmus.
Emva kokuba Amabhokobhoko aphumelela indebe eJapan ngo2019, umqeqeshi sele ehlomele inani elibonakalayo labadlali abatsha abanye aphumelele ngabo indebe yehlabathi kunyaka ophelileyo.
"UVincent, Asenathi,uNeethling noMarnus baqhube kakuhle kakhulu enkampini nakumaqela abawadlalelayo. Siya emdlalweni ongempelaveki sinethemba lokuba baza kudlala kakuhle njenganxa bedlalela amaqela wabo," utshilo umqeqeshi kule veki. Iqela lesizwe liza kukhokelwa nguSiya Kolisi njengesiqhelo.
Abaqala umdlalo: Aphelele Fassi; Cheslin Kolbe, Jesse Kriel, Damian de Allende, Kurt-Lee Arendse; Sacha Feinberg-Mngomezulu, Morne van den Berg; Jean-Luc du Preez, Vincent Tshituka, Siya Kolisi (uKapteni); Lood de Jager, Jean Kleyn; Asenathi Ntlabakanye, Malcolm Marx, Ox Nche.
Amalalela: Marnus van der Merwe, Jan-Hendrik Wessels, Neethling Fouche, Franco Mostert, Kwagga Smith, Cobus Reinach, Manie Libbok, Andre Esterhuizen