UMarcelo Allende uthi iMamelodi Sundowns iza kulwela ukuphumelela emdlalweni olandelayo eHard Rock Stadium.
Image: Mamelodi Sundowns
Iqela lebhola ekhatywayo laseMzantsi Afrika, iMamelodi Sundowns, kunyanzeleke ukuba likhuphe amandla walo onke ukuba lifuna ukuphumelela umdlalo olandelayo. Ngoba amaqela amabini kuGroup F sele ekwazile ukuqokelela amanqaku amane, kunyanzelekile ukuba iSundowns ibethe iFluminese ukuze igqithele kumjikelo olandelayo weFIFA Club World Cup ebanjelwe eMelika.
Amasandawana aza kudibana etshatshalazeni neFluminense emalanga noLwesithathu kwibala ekuthiwa yiHard Rock Stadium. UMarcelo Allende uxelele iintatheli ukuba abadlali beSundowns bazimisele ukulwela impumelelo emdlalweni ozayo.
Oku ukuthethe emva kokuba iSundowns ibethwe yiBorussia Dortmund ngamagowuli amane kwamathathu emdlalweni otake iintlantsi eTQL Stadium ngorhatya loMgqibelo odlulileyo. Kanti emdlalweni wokuqala, iSundowns yakwazi ukuzibethela iUlsan HD ngegowuli elinye eqandeni.
Ukuze ikwazi ukuya phambili iSundowns, kufuneka ifumane amanqaku amathathu ngomso. Injini yaSundowns, uMarcelo Allende, ithi abadlali balwile emdlalweni ogqithileyo kwade kwase kugqibeleni.
"Silwile ngoba siyawazi ukumgangatho wale tumente. Noxa sichanwe ziimpazamo zethu - kodwa sikwazile ukudlala ngendlela yethu kwade kwaphela umdlalo," utshilo uAllende, ongomye wabadlali ababalulekileyo futhi abayilwelayo iSundowns ethatha inxaxheba okwesibini kwiFIFA Club World Cup.
Ngeke kubelula ukuqubisana neFluminense - kodwa iSundowns ibonisile ukuba iyakwazi ukumelanga namaqela amakhulu. "Ndicinga ukuba ngesenze umsebenzi obhetele emdlalweni wethu ogqithileyo. Kodwa indlela esidlale ngayo emva kweempazamo zethu indenze ndazingca kakhulu. Sidlale ngendlela encomekayo kakhulu.
"Ndicinga ukuba sisifundile isifundo. Siza kuphumla ukuze silungiselele ukulwela ukubetha iFluminense emdlalweni okandelayo. Silindele umdlalo omhle ngoba siza kudibana neqela elisuka eBrazil. Siza kulwa ngoba singaphumelela," utshilo uAllende olebele ngelithi kufuneka iSundowns ingayiniki ithuba lokudlala iFluminennse.
Related Topics: