Moroka Swallows coach Musa Nyatama on the touchline. Owayengumqeqeshi weMoroka Swallows, uMusa Nyatama, ngoku lisekelamqeqeshi kwiChippa United.
Image: Independent Newspaper.
Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, liqhubela phambili nokuqinisa amalungiselelo walo esizini entsha phambi kokubuya kwabadlali kwinyanga ezayo. Oku kucace kakuhle ngethuba uChippa United ibhengeza igama likaMusa Nyatama njengomntu oza kuba sisandla sasekunene sikaSinethemba Badela ongumqeqeshi oyintloko.
Kwiiveki eziphelileyo, bekukhe kwajikeleza into ethi iChippa izama ukusondeza uMark Mayambela ukuze abe lisekela lomqeqeshi oyintloko - kodwa akubanga njalo. UNyatama, 37, yindoda eyaziwayo jikelele ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika.
Ngeentsuku zakhe zobutsha uNyatama wadlalela amaqela aquka i'Orlando Pirates, iMamelodi Sundowns neBloemfontein Celtic eeyabhangayo. Emva koko uye waqeqesha iMoroka Swallows ayihlangule ezembeni kaliqela isadlala kwiPremier Soccer League. Uthathwa ngoku yiChippa United emva kokuchitha isizini ephelileyo engumqeqeshi weLeruma United ebikade idlala kwiMotsepe Foundation Championship.
"Sicinga ukuba uNyatama uza kusebenzisana ngendlela entle nomqeqeshi oyintloko uSinethemba Badela ngoba bobabini ngabaqeqeshi abasakhulayo abasafuna ukuzenzela igama ebholeni," utshilo uMnu. Siviwe Mpengesi kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe kumakhasi onxibelelwano.
"Iingcinga zabo ngekamva leChippa United ziyafana. Baza kuqinisekisa ukuba idlala umdlalo owonwabisayo, obalekayo owamba neziphumo. Sicinga ukuba ukudibana kwabo bobabini kuza kulilola iqela," utshilo uMnu. Mpengesi. Ukuchaze ukufika kukaNyatama njengenkqubela kwiChippa United eyaziwa kakhulu ngokutshintsha abaqeqeshi ngendlela emangalisayo.
Kuthiwa uNyatama uza kusebenzisana nabanye abaqeqeshi abonoxanduva lokuqinisa uphuhliso labadlali abasakhulayo nabakwiqela elidala. "Ukufika kwakhe kubonisa ukuzibophelela kweqela kuphuhliso kwabaqeqeshi abatsha ebholeni ekhatywayo," utshilo uMnu. Mpengesi, ochithe ishumi elinesibhozo lonke labadlali kwiveki ephelileyo.
Related Topics: