Ezemidlalo

IPirates imthathele kuyo uSipho Mbule okhathazayo!

Pedro Mapelo|Published

Bucs USipho Mbule ngumdlali omtsha we'Orlando Pirates.

Image: Orlando Pirates

Aphelile amaqashiso nguSipho Mbule emva kokuba ezifumanele iqela elitsha. Oku kulandela emva kokuba i'Orlando Pirates imazise njengomdlali wayo omtsha namhlanje emini emaqanda. Ukufika kukaMbule kulandela ukubhengezwa komqeqeshi omtsha izolo ogama linguAbdeslam Ouaddou.

UMbule ngumdlali odlala esiswini onesiphiwo sokudlala ibhola ekhatywayo. Ngaphambili, udlalele iSuperSport United - apho aziqaqambise khona njengomdlali webhola ekhatywayo. Uthe akubonakala ukuba ungumdlali osemgangathweni ophezulu, iMamelodi Sundowns yamthathela kuyo.

Uhleli apho iminyaka embalwa - kodwa zange afumane ithuba lokudlala kakuhle ngenxa yokungakwazi ukuziphatha. Kwisizini ephelileyo, uMbule uchithe ixeshana kwiSekhukhune United - kodwa nayo iye yoyisakala yamchitha ngenxa yokungaziphathi kakuhle. Ufumana ithuba kwakhona lokuvuselela isakhono sakhe sokudlala kwiPirates.

Kulindeleke ukuba ayincede iPirates njengokuba iza kuzama ukulwela ukuphumelela indebe yeBetway Premiership neyeCAF Champions League ekuthambekeni kwalo nyaka phantsi komqeqeshi omtsha. Kungenzeka ukuba lithuba likaMbule lokugqibela lokubeka ingqondo yakhe emsebenzini wakhe.