UTemba Bavuma ephakamise indebe phambi kokudibana nabalandeli eGauteng kwiveki ephelileyo.
Image: Jairus Mmutle/GCIS
UTemba Bavuma uthi ufuna ukushiya uMzantsi Afrika uphakathi kwamaqela aziwayo ngokuthatha iindebe kwiqakamba yehlabathi. Oku ukuthethe kwiveki ephelileyo emva kokuba iqela lesizwe libuyele ekhaya nendebe.
UMzantsi Afrika wabetha iAustralia ngoothinti abahlanu kwiiveki eziphelileyo watsho waphumelela indebe yeWorld Test Championship. Impumelelo yoMzantsi Afrika igwebe indlala yamashumi amabini anesixhenxe eminyaka wagqibela ukuphakamisa indebe ehloniphekileyo phantsi kwe-International Cricket Council.
Okwenziwe nguMzantsi Afrika kwiqakamba kwamkelwe ngovuyo ngabantu. Abanye bavuyiswe kukuphumelela kweProteas ikhokelwe nguBavuma onexesha elide egxekwa xa izinto zingahambi kakuhle. Njengomdlali onamashumi amathathu anesihlanu eminyaka, kungekudala uBavuma angabeka phantsi.
Uxelele amajelo eendaba ukuba angavuya kakhulu ukuba angashiya iqela lesizwe leqakamba eliziwa ngokuphumelela iindebe. Ebezama ukuthi uMzantsi Afrika kufanele uthathe indawo yawo ephambili kwiqakamba yehlabathi.
Nangona abadlali abakhoyo bebhale iincwadi zembali ngokutsha - kodwa ubacelile ukuba bangayekeleli umxakatho ngoba ukuphumelela kufuneka ibe yinto eqhelekileyo. "Siliqela, singavuya ukuba singazenzela igama njengeqela elaziwa ngokuphumelela.
"Esi sisiqalo soMzantsi Afrika ozimisele ukuphumelela iindebe. Akunyanzelekanga ibe yitumente enkulu kakhulu," utshilo uBavuma ochazwe njengomKapteni ophambili nguMphathiswa uGayton McKenzie kwiveki ephelileyo.
IProteas iza kudibana neZimbabwe kule veki ngaphandle kwakhe uTemba Bavuma owonzakeleyo. Ubathembile oogxa bakhe ngoba bakhuthazekile emva kokubethela iAustralia kowayo kwiiveki ezidlulileyo. "Emva kwemibhiyo, oogxa bam baza kubeka iingqondo zabo emdlalweni ezayo," utshilo uBavuma.
Related Topics: