Ezemidlalo

Inconyiwe iMamelodi Sundowns esokolise iBorussia Dortmund

Pedro Mapelo|Published

UMiguel Cardoso uzingomba isifuba ngeMamelodi Sundowns ebhokodise iBurussia Dortmund emdlalweni weFIFA Club World Cup.

Image: Mamelodi Sundowns

Nangona iMamelodi Sundowns ingakwazanga ukuphumelela umdlalo ogqithileyo, umqeqeshi wayo uthi ayihlazekanga ngoba ibethwe ilwile. UMiguel Cardoso ukuthethe oku emva kokuba iSundowns ibethwe yiBorussia Dortmund ngamagowuli amane kwamathathu emdlalweni weFIFA Club World Cup obubanjelwe eTQL Stadium ngorhatya langoMgqibelo odlulileyo.

Ngumdlalo engasoze iwulibale iDortmund kuba iphantse yenzelwa inkawi ngenja yiSundowns emdlalweni obalulekileyo. Okumenze umqeqeshi wachulumanca kukuba iSundowns idlale njengeentshatsheli kwade kwaphela umdlalo.

Kuzo zozibini iziqingatha, iSundowns izamile ukulifaka engxakini iqela laseYurophu. Njengesiqhelo, uLucas Ribeiro ufake igowuli lokuqala elicacise gca ukuba iSundowns ibidlalela ukuphumelela umdlalo. Ifake amagowuli nayo iDortmund emva kweempazamo ezenziwe yiSundowns.

Amagowuli amabini afakwe nguRayners (Iqraam) noLebo Mothiba akakwazanga ukuyinceda iSundowns edlale kakuhle kakhulu eMelika. "Andonwabanga ngoba sibethiwe - kodwa ndiye ndaxoliswa kukuba sidlala kwinqanaba eliphezulu kwibhola ekhatywayo. Namhlanje sinyuse umgangatho sidlala neBorussia Dortmund enamandla," utshilo umqeqeshi, ovumileyo ukuba iimpazamo zilibethe kabuhlungu iqela lakhe.

Emva kokugxekwa kwisizini egqithileyo ngokudlalisa iSundowns umdlalo engawuqhelanga, uCardoso uxelele iintatheli ukuba indlela edlale ngayo emdlalweni wesibini ngempelaveki egqithileyo ngulo yaziwa ngawo. "Indlela edlale ngayo iSundowns ibiyile yaziwayo. Okuhle kukuba idlale ngendlela yayo kwinqanaba eliphezulu," utshilo uCardoso oyincomileyo iSundowns elwe kakhulu emdlalweni.

Ngoku iSundowns ilungiselela ukudibana neFluminense yaseBrazil emdlalweni ekulindeleke ukuba utake iintlantsi nawo. IFluminense neBorussia Dortmund zinethuba elihle lokuya kumjikelo olandelayo - kodwa ukuba iSundowns ingaphumelela ngoLwesithathu, ingakwazi ukudlula kumjikelo wokuqala.