UThembinkosi Lorch ngumdlali waseMzantsi Afrika odlalela iWydad Athletic Club ethatha inxaxheba kwiFIFA Club World Cup yalo nyaka eMelika.
Image: Wydad AC
Owayeyifolosi yeqela lesizwe, uShaun Bartlett, uyincomile kakhulu indlela adlale ngayo uThembinkosi Lorch izolo. UBartlett uvakalise uluvo lwakhe emva kokuba iManchester City ibethe iWydad Athletic Club ngamagowuli amabini qandeni emdlalweni weFIFA Club World Cup obunika umdla kakhulu eMelika.
ULorch ngumdlali walapha eMzantsi Afrika odlalela iWydad Athletic Club onikwe ithuba lokuqala umdlalo bedibene nelinye lamaqela amakhulu eYurophu futhi elinabadlali abayingozi. Nangona iqela laseMorocco lingakwazi ukuphumelela - kodwa lizamile ukulwa emdlalweni.
UBartlett, owayengumdlali waBafana Bafana neCharlton Athletic yaseNgilane, wenelisekile yindlela abaleqe ngayo abadlali beManchester City. Akawugqibanga umdlalo ngoba umqeqeshi uye wamkhupha, into athi uBartlett akayazi ukuba yenziwe njani ngoba uLorch ebengomnye wabadlali ababhetele emdlalweni.
"ULorch udlale kakuhle kakhulu. Ndiphoxekile xa ekhutshwa emdlalweni ngoba uncedisene kakuhle noCassius Mailula," utshilo uBartlett. "Isiqalo sikaLorch besisihle kakhulu futhi uzibonakalisile ukuba ungumdlali obalulekileyo weWydad AC. Ndicinga ukuba uza kudlaliswa emdlalweni olandelayo ukuba akukho nto emphazamisileyo.
Ngoba umdlalo ubusecaleni leManchester City ebikhokela, umqeqeshi uthe makamkhuphe ukuze ambekele," utshilo uBartlett ongumhlalutyi kwiSuperSport TV. Emidlalweni emibini elandelayo, iWydad Athletics iza kuzama ukulwela ukuphumelela okungenani umdlalo omnye kwiFIFA Club World Cup.
Related Topics: