Ezemidlalo

Sibuyel' ekhaya sithe qhiwu indebe kwakhona iSpringbok Women

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beSpringbok Women bevuyela indebe yeRugby Africa emva kokungomba iMadagascar emdlalweni wokugqibela.

Image: Rugby Africa/Facebook

Amanenekazi oMzantsi Afrika adlala umbhoxo abuyele ekhaya ephethe indebe. Oku kwenzeke emva kokuba ebethe iMadagascarngo'61-17 emdlalweni wokugqibela weRugby Africa Women's Cup obubanjelwe eStade Makis.

Okuncomekayo kukuba uMzantsi Afrika uye watshatshela kwakhona ityeli lesine kwitumente edlalwe ngamazwe aquke iKenya, Uganda neMadagascar. Nongona iSpringbok Women sinamandla emdlalweni wombhoxo ngaphezulu kwamanye amazwe kwizwekazi le'Afrika - kodwa kuye kwanyanzeleka uzimisele ukuze uphumelele.

Olisekela lomqeqeshi, uFranzel September, uvakalise ukwaneliseka yindlela iqela lakhe elidlale ngayo emidlalweni yeRugby Africa Women's Cup. Abaqeqeshi baye eMadagascar nabadlali abatsha ngoba bebefuna ukubaqhelisa ukudlala kwiitumente ezisemgangathweni ophezulu.

"Size apha eMadagascar sinesicwangciso esicacileyo nendlela esiza kusebenza ngayo. Ukudlala apha yinxalenye yamalungiselelo wethu wetumente yehlabathi ezayo. Kodwa besifuna nokubona abadlali bedlala bekhululekile," utshilo uSeptember.

"Sigqibe kwelokuba size nabadlali abatsha beSpringbok Women ukuze bafumane ithuba lokudlala. Siyenze lo nto singabathandabuzi futhi abasiphoxanga. Babonisile ukuba bayakwazi ukudlala nabadlali abadala.

"Omnye wabadlali uze kuthi enyembezana ngenxa yemincili emva kokufumana ithuba lokudlala. Uye wabulela abaqeqeshi ngokumnika ithuba lokudlala. Kuyandivuyisa ukubona abadlali abatsha bekwazi ukudlala umdlalo odubeneyo nabadala. Konke kuhambe kakuhle kule tumente," utshilo uSeptember.

UKapteni wosuku, uAnathi Qolo, uyincomile indlela abadlale ngayo kakuhle abadlali abatsha. Amanenekazi oMzantsi Afrika ayiphumelele yonke imidlalo ayidlalileyo eMadagascar. "Akululanga ukudlala kule tumente.

"Kuye kwanyanzeleka ukuba sidlale ngokuzimisela ukuze sifumane iziphumo eziphucukileyo emdlalweni wokugqibela. Sidlale ngendlela ebesicwangcise ngayo futhi isisebenzele. Umsebenzi esiwenze apha ube yimpumelelo ngoba sigoduka singabethwanga," utshilo uQolo.