Ezemidlalo

UMali obuyele kwiChippa United uthetha akaphezi ngoHugo Broos!

Pedro Mapelo|Published

UHugo Broos noSinesipho Mali bephethe imbasa emva kweAfrica Cup of Nations kunyaka ophelileyo.

Image: Facebook

Ofumene isikhundla esiphezulu kwiChippa United, uSinesipho Mali, uthetha akaphezi ngegalelo elibonakalayo elenziwe ngumqeqeshi waBafana Bafana ebomini bakhe. UMali ukuthethe oku kwinkqubo yezemidlalo yeMetro FM emva kokuchongwa kwakhe nguMnu. Siviwe Mpengesi njengomlawuli weChippa United kwiveki ephelileyo.

Ngokutsho kwakhe uMali, ukuya kwakhe kwiqela lebhola ekhatywayo elizinze eGqeberha kunikwe iintsikelelo nanguHugo Broos onethuba elide esebenza naye. UMali waseNgxwalane, eQonce, uza kusebenzisa noSinethemba Badela onikwe uxanduva lokuba ngumqeqeshi omtsha weChippa United phambi kokuqala kwesizini entsha.

OkaBadela, ophuma eStekspruit ngokuzalwa, unikwe isikhundla sokuba ngumqeqeshi oyintloko okokuqala emva kokusebenzisana noRulani Mokwena ngethuba eqeqesha iWydad Athletic Club yaseMorocco kwisizini edlulileyo. Nangona ejongene nomsebenzi onzima wokuthatha iChippa ayibeke endaweni ebhhetele - kodwa kungcono ngoba uza kuncediswa nguMali.

"Inyathelo endilithathileyo lisikelelwe ngumqeqeshi futhi uye wandicebisa ngemiba yolawulo nangebhola ngokubanzi," utshilo uMali encokola noNcube (Andile). Emva kokushiya iKaizer Chiefs kwiminyaka egqithileyo, uMali waye wafumana ithuba lokusebenza noBroos njengomhlalutyi kwiqela lesizwe.

Uncede kakhulu aBafana Bafana ababuye nembasa yebronze kwiAfrica Cup of Nations edlulileyo. Kanti phambi koko, wancedisa aBanyana Banyana kwitumente yehlabathi kwiminyaka emibini edlulileyo eNew Zealand naseAutralia.

Emva kokuncedisa iSekhukhune United kwisizini edlulileyo, uMali ufumene isikhundla esibhetele ngoba usebenze emaqeleni amakhulu emva kokufunda kumaziko ebhola ekhatywayo asemgangathweni ophezulu eYurophu. "UBroos ngumntu owenze indima enkulu ebomini bam nakwikhondo lam endalikhethayo.

"Ngethuba besisenkampini yeqela lesizwe, umqeqeshi undicebise ngezinto ezininzi kakhulu ngokukhokela. UHugo Broos yeyona nkokeli ebalaseleyo endikhe ndasebenza nayo ebomini bam," utshilo uMali obuyela okwesibini kwiChippa United.