Ezemidlalo

UBadela noSinesipho Mali baza kubambisana neChippa United kwisizini ezayo

Pedro Mapelo|Published

USinethemba Badela uza kusebenzisa noSinesipho Mali kwiChippa United xa kuqala isizini entsha

Image: Facebook

Amaqela amaninzi ebhola ekhatywayo asathe cwaka emva kokuvalwa kwesizini - kodwa yona iChippa United seyenze imitsi eya phambili ebonakalayo. Kule veki yodwa, ibhengeze amagama wabantu ababalulekileyo baza kubamba izikhundla eziphezulu xa kuqala isizini elandelayo.

Ngentsasa yayizolo, uMnu. Siviwe Mpengesi wazise uSinethemba Badela njengomqeqeshi omtsha weChippa United. Ngosuku olulandelayo, kwaziswe uSinesipho Mali njengentloko kwicala lezoqeqesho kwiqela laseMpuma Koloni.

UBadela ungena endaweni eshiywe nguThabo September ekuvakalayo ukuba wakhetha ukuhamba endaweni yokuthotyiselwa abe ngumqeqeshi weChippa United edlala kwiDStv Diksi Challenge.

Nangona uBadela, oyinzalelwane yaseStekspruit engenawo amava okuqeqesha kwiBetway Premiership - kodwa yena usebenzile noRulani Mokwena obengumqeqeshi weWydad Athletic Club kwisini edlulileyo. Noxa uMpengesi esoloko esithi ufuna abaqeqeshi bagcine iqela lakhe kwiPSL - kodwa kufuneka enze bhetele ngoba angagxothwa kungaphelanga nenyanga ukuba iziphumo azincumisi.

"Sifuna ukwazisa ukuchongwa kukaMnu. Sinethemba Badela njengomqeqeshi omtsha phambi kwesizini ethembisayo," itshilo ingxelo ekhutshwe liqela kwikhasi lonxibelelwano. "Sizakhele igama njengeqela elinika abaqeqeshi abatsha amathuba endaweni yokuqesha abantu abaqhelekileyo kwamanye amaqela.

"Ibhola ekhatywayo iyaguquka, nathi siyaquka. UBadela uza kuqala amalungiselelo phambi kokuqala kwesizini. Sizimisele ukubhengeza amagama wabantu abaza kumncedisa kungekudala," itshilo ingxelo.

Namhlanje kwaziswe ukufika kukaMali uza kuba ngumlawuli oyintloko. Akemtshanga kwiChippa ngoba wayeqale kuyo njengomhlalutyi phambi kokuya kwiChiefs, iSekhukhune United naBafana Bafana.

Ungena endaweni kaMorgan Mammila okungekacaci kakuhle ukuba uza kubekwa phi nguMpengesi. UMali noBadela, abasengabaqeqeshi abasakhulayo, baza kubambisana ngomzamo wokuthatha iChippa United bayibeke kwiTop-8 eyayifumana kanye ebomini bayo.