Ezemidlalo

UKhonkhobe ohlumiswe kukuvela ethivini ungxolisiwe ngumqeqeshi wakhe

Pedro Mapelo|Published

Imbaleki yemigama emide, uONALENNA Khonkhobe, ungxolisiwe ngumqeqeshi wakhe emva kokwaphula umthetho kwiComrades Marathon.

Image: LEON LESTRADE/Independent Newspapers

Imbaleki yemigama emide, uOnalenna Khonkhobe, utsale umdla wabantu abaninzi ngethuba ebaleka iComrades Marathon ngentseni yangeCawe egqithileyo. UKhonkhebe, 29, ubaleke phambili ngesantya esiphezulu kusasukwa eMgungundlovu ethembisa ngokungathi angaphumelela.

Endleleni uqhwatyelwe kakhulu ngababukeli beembaleki zeComrades Marathon - kanti nasethivini ingxoxo ibishushu ngenxa yendlela akuthathele phezulu ngayo ukukhokelwa kwake. Abahlalutyi bebengaqinisekanga nokuba uKhonkhobe ubalekela ukuphumelela okanye liqhinga lokuvulela indlela oogxa bakhe kwiNedbank Running Club egqugqisileyo kwiComrades Marathon njengesiqhelo.

Ngokutsho kukaPio Mpolokeng ongumqeqeshi, uKhonkhobe ebenikwe umyalelo wokukhokela phambili umgama ongamashumi amathathu eekhilomitha (30km) - kodwa yena ukhethe ukudlula apho (75km). "Yayidakumbile iComrades Marathon yonyaka ophelileyo. Ndiqonde ukuba mandonwabise abantu," utshilo uKhonkhobe kwiSowetan.

Uthi uve abantu endleleni bekhwaza igama lakhe waqonda ukuba makaqhubele phambili. "Ndithe xa ndiphakathi naphakathi, kwavakala amazwi wabantu bekhwaza igama lam. Izihlwele zabantu bezonwabile endleni nam ndathi mandibaleke. Ndiyeke ukubaleka xa ndifika ku75km," utshilo umfana waseTaung, eMntla Ntshona.

Umqeqeshi wakhe uthi khange aphatheke kakuhle xa uKhonkhobe esophula isivumelwano ngoba uzixhsiye kanti sinoxanduva lokumlungiselela iSoweto Marathon ezayo. "Ndiye ndaphatheka kakubi xa ndimbona esabaleka ethivini ngoba besingavumelananga ngaleya ebeyenza into.

"Bendinexhala lokuba uza kudinwa kanti kufuneka alungiselele ukuya kwiSoweto Marathon. Uyaluthanda udumo," utshilo umqeqeshi kaKhonkhobe oyintshatsheli yePrince Mangosuthu Ultra Marathon neSoweto Marathon. UTete Dijana uye wayintshatsheli yeComrades Marathon emva kokuthatha indawo kaKhonkhobe ngempelaveki edlulileyo.