UThemba Zwane uthi iMamelodi Sundowns iza kulwela ukuphumelela emdlalweni yeFIFA Club World Cup
Image: Mamelodi Sundowns
Omnye wabadlali abaphambili ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika, uThemba Zwane, uthi abanalo nelincinci ixhala njengokuba iMamelodi Sundowns ilungiselela itumente yehlabathi. Ukuthethe oku (uZwane) phambi kokuhamba kweSundowns entingele eMelika ngeCawe edlulileyo.
Amasandawana aphakathi amaqela amane aphuma kwizwekazi le'Afrika aza kuthatha inxaxheba kwiFIFA Club World Cup edlalwa ngoomanqanqa bamaqela ebhola ekhatywayo abagqwesileyo kwihlbathi. ISundowns ithelekiswe namaqela afana neFluminense yaseBrazil, Ulsan HD yaseSouth Korea neBorussia Dortmund yaseJamani kuGroup F.
Ethetha kwiFIFA TV, uZwane uqinisekise abantu baseMzantsi Afrika ukuba iSundowns iya edabini ingoyiki nto nakubeni ithelekiswe namaqela ayingozi. "Silindele ukufikela abantwini abonwabileyo. Ibhola ekhatywayo bayayithanda eMelika futhi silindele ukudlalela emabaleni agcweleyo," utshilo uZwane oza kudlala kwiFIFA Club World Cup okwesibini.
"Kuyachulumancisa njengomdlali ukufumana ithuba lokudlala kwitumente esemgangathweni ophezulu njengale. Uya kuyo ufuna ukudlala kakuhle ngoba udibana nabadlali abaqaqambileyo ebholeni ekhatywayo," utshilo uZwane. Uqinisekisile ukuba akukho qela eliza kuyikhwela entloko lenze unothanda kwiSundowns ngoba iyokulwela indawo yayo eMelika.
"Siza kumelana nalo neliphi iqela eliphambi kwethu. Ngamaqela anabadlali abasemgangathweni ophezulu. Siza kuwanika imbeko - kodwa asiwoyiki. Emidlalweni siza kudlala ibhola ecacileyo," utshilo uZwane kwiFIFA TV.
Nangona iUisan HD igxeleshe ukuzibethela iqela laseMzantsi Afrika kuGroup F - kodwa lona lijonge ukufumana imidlalo eqabukileyo xa lidibena neFluminense neBorussia Dortmund.
Ethetha ngeqela laseBrazil, uThemba Zwane uthe: "Silindele umdlalo oza kunika umdla xa sidibana neFluminense ngoba inabadlali abanetalente. Abadlali bayo bayakonwabela ukudlala ibhola. Kuza kuba mnandi xa sidibana nabo."