Ezemidlalo

UTete Dijana uthe zava emalini emva kokuphumelela iComrades Marathon!

Pedro Mapelo|Published

UTete Dijana uphumelele iComrades Marathon okwesithathu izolo emini eThekwini.

Image: Sibonelo Ngcobo Independent Media

Imbaleki yoMzantsi Afrika ephambili, uTete Dijana, ithe zava emalini emva kokuphumelela iComrades Marathon izolo. Oku kwenzeke emva kokuba uDijana eqhumisele ngothuli inqwaba yeembaleki zehlabathi eziquke uPiet Wiersma waseNetherlands kugqatso olusuke eMgungundlovu layokuqhina eThekwini.

Emva kokukhokela iiyure ezine zonke, uOnalenna Khonkhobe uye woyisakala ngenxa yokutsaleka kwezihlunu xa kengena kanye kuvuthondaba. Indawo yakhe ithathwe ngugxa wakhe uDijana ophumelele okwesithathu kwiComrades Marathon.

Indedeba yakwaDijana, eyayifudula ingunogada, ibaleke ixesha eliziiyure ezintlanu nemizuzu (05:25:28), kwalandela uPiet Wiersma ngeeyure ezintlanu nemizuzwana ethe chatha (05:25:33) yaze indawo yesithathu yabanjwa nguNikolai Volkov waseRussia oshiywe ngemizuzu emine (05:29:42).

UDijana ugoduke nemali engaphezulu kwesigidi serandi (R1-million). Imali ayifumene ngokuba yintshatsheli yiR870,000, ngokubaleka ngesantya esiphezulu yiR500,000 waze wafumana neR220,000 yokuba yimbaleki yaseMzantsi Afrika efike kuqala entanjeni.

Kokwesithathu uDijana ephumelela iComrades Marathon. Wazenzela igama ngonyaka ka2022, ngo2023 nakulo unyaka. Le mbaleki yeNedbank Running Club ivumile ukuba benzima ekuqaleni kogqatso izolo.

"Bekunzima ekuqaleni kwethu - kodwa ke size kwiComrades Marathon sinesicwangciso esihamba ngaso," utshilo uDijana othathe ikhefu leenyanga ezintathu emsebenzini ngethuba lamalungiselelo.

Nangona ebebonakala enexhala likaPiet Wiersma obefuthela emagxeni wakhe - kodwa uthe ebengamoyiki. "Hayi, bendingamoyiki uPiet Wiersma. Ndimbonile ukuba uyasondela nam ndanyusa isantya kwikhilomitha yokugqibela. Bendizokulungisa iimpazamo endizenze kunyaka ophelileyo.

"Ubunzima kakhulu unyaka ophelileyo kum ngoba kukho izinto ezindiphazamisileyo," utshilo uDijana encumile emva kokuvala umlomo abantu abagxeki bakhe kumakhasi onxibelelwano emva kokungaqhubi kakuhle kunyaka ophelileyo kusiyiwa eMgungundlovu.

"Bekungcono kulo nyaka. Bendike ndaphazamisela ngenxa yoxinizelelo - kodwa umfazi wam uye wandixhasa. Ndibulela wonke umntu ondixhasileyo ngethuba lobunzima. Bendibalekela abantu abandikhuthaziley emva kokusokola kwam kunyaka ophelileyo.

Kukho abantu abathi soze ndiphinde ndiphumelele kumakhasi onxibelelwano. Ndibabonisile namhlanje ukuba babephazama. Inkuthazo yabantu yeyona endincedileyo. Kuthathe ixesha elide ukulibala okwenzeke kunyaka ophelileyo," utshilo uDijana ophumelele iComrades Marathon kathathu ngokulinganayo noBongumusa Mthembu.