Khulumani Ndamane UKhulumani Ndamane woMzantsi Afrika noSelemani Mwalimu weTanzania emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngoLwesihlanu odlulileyo.
Image: BACKPAGEPIX
UHugo Broos uvakalise ukoneliseka yindlela abadlale ngayo abadlali abatsha emdlalweni ogqithileyo. Oku ukuthethe emva okuba uMzantsi Afrika udlale ntanganye ngeqanda macala neTanzania emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngoLwesihlanu ogqithileyo.
Noxa amakwenkwe amadala kaHugo Broos ebengekho emdlalweni - kodwa umdlalo ubumhle. Omabini amaqela adlalele ukuphumelela nakubeni kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini emdlalweni. UHugo Broos ucacisile emva komdlalo ukuba ebengajonganga ukufumana iziphumo ezincumisayo ngaphezulu kwendlela abadlale ngayo abadlali abatsha emdlalweni.
"Besidlala ngeqela elitsha emdlalweni wanamhlanje. Bekungelulanga ebadlalini abebeqala ukudlalela iqela lesizwe," utshilo umqeqeshi emva komdlalo ePolokwane ebusuku ngoLwesihlanu. NguPatrick Maswanganyi, uBasadian noRelebohile Mofokeng abadlali abaqhele ukudlala abadlalisiweyo emdlalweni ogqithileyo.
"Benditshilo phambi komdlalo ukuba iziphumo azibalulekanga kulo mdlalo. Into ebendifuna ukuyibona yindlela abadlala ngayo abadlali abatsha. Ngesiphumelele ngoba amathuba besinawo emdlalweni - kodwa ngaphandle kwalo nto, ndonelisekile yindlela abadlale ngayo.
"Akufuneki siyithathe kancinci into yokudibanisa abadlali abaninzi abangazange badlala ndawonye ngaphambili. Bekungelulanga kubo nyhani," utshilo umqeqeshi ongafunanga ukuthetha kakhulu ngabadlali bakhe.
Emva kokudlala neTanzania ezamileyo ukufumana igowuli engalifumananga, aBafana Bafana baza kudibana neMozambique komnye umdlalo wobuhlobo. Abadlali abangadlalanga emdlalweni wokuqala baza kuqala umdlalo ngomso ngorhatya ePeter Mokaba Stadium.
"Abadlali abangaqalanga umdlalo ogqithileyo ngabo abaza kudlala kolandelayo. Yonke into ixhomekeke kubo abadlali - kodwa ndakuvuya ukuba bangadlala kakuhle. Into esiyifunayo kukunika abadlali amathuba okudlala ukuze siyibone indlela abadlale ngayo," utshilo uBroos.