BIG WINNER: Fawaaz Basadien Fawaaz Basadien ngumdlali weStellensch FC.
Image: Backpagepix
Oyena mdlali webola khatywayo ofunwa ngamaqela amakhulu, uFawaaz Basadien, uvule isifuba okokuqala ngokuzingelwa kwakhe ngamaqela amakhulu eMzantsi Afrika. Lo mdlali weStellenbosch FC uyinxalenye yaBafana Bafana abalungiselela ukudibana neTanzania emdlalweni wobuhlobo namhlanje ngorhatya ePeter Mokaba Stadium.
UBasadien, 28, uphakathi kwabadlali abadala ababiziweyo nguHugo Broos okhwebe inkitha yabadlali abasakhulayo phambi kwemidlalo yobuhlobo emibini eza kudlalelwa ePolokwane. Sekulithuba elide uBasadien kuvakala iingxelo ezithi ufunwa yiKaizer Chiefs, i'Orlando Pirates neMamelodi Sundowns.
Nangona iSundowns inabadlali abaneleyo kwicala lasekunxele, kodwa anganayo indawo yakhe kwiChiefs nePirates. Kwiisini ezigqithileyo, ngakumbi kule isongwe kwinyanga ephelileyo, uBasadien ubonisile ukuba ungumdlali osemgangathweni ophezulu ngokunceda iStellenbosch emidlalweni yeBetway Premiership nangethuba idlala kwiCAF Confederation Cup.
Uvumile ukuba angakwamkela ukudlalela iqela elikhulu - kodwa oko akuxhomekekanga kuye ngoba usenesivumelwani sengqesho neStellenbosch. "Ndibuzwa oko lo mbuzo. Njengoko ndanditshilo ngaphambili, ingqondo yam ndiyibeke kwizinto endinolawulo lwazo.
"Kumandi ukuva kuthethwa ngawe xa ungumdlali - kodwa ngamahumhum nje lawo," utshilo uBasadien ephendula imibuzo yeentatheli. Kulindeleke ancedisane noNkosinathi Sibisi ngomso xa aBafana Bafana bethathana neTanzania.
"Okwam kukudlala xa ndifumana ithuba ukuze ndiqhubele phambili nento endiyenzayo. Ingqondo yam isekudlaleni kuphela, okuthethekayo ngamahumhum nje. Ixesha lokuba ndiye kwiqela elikhulu liza kuvela - kodwa okwangoku, alikafiki.
"Bendingavuya ukuya kuwo - kodwa ke ngoku into ebalulekileyo kum kukudlala ndiphucule umdlalo wam," utshilo. Ayivumanga ukumthengisa iStellenbosch kwisizini egqithileyo.