UGqirha Sinovuyo Yalezo uza kuthatha inxaxheba okwesine kwiComrades Marathon yalo nyaka.
Image: Uthunyelwe
Nangona engeyiyo imbaleki ekudidi eluhlawulwayo - kodwa uGqirha Sinovuyo Yalezo uza kubalekela ukuphuma entanjeni kwixesha elimiselweyo ukuze afumane imbasa. Le mbaleki yeCheetahs Athletic Club, ezinze eMthatha ngenxa yomsebenzi, ixelele I'solezwe lesiXhosa indlela ezimisele ngayo ukubaleka iComrades Marathon eza kubanjelwa kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Yiminyaka mithathu uGqirha Yalezo ebaleka iComrades Marathon eza kuqala ePietermaritzburg iyokuqhina eThekwini kwixesha elimiselweyo eliziiyure ezilishumi elinambini ngeCawe. Abaninzi bakhala ngobunzima bayo - kodwa okhe wayibaleka, akaphindi ohlukane nayo ngoba iComrades Marathona ayikho ngokhuphiswano nemali kuphela.
Kwabaninzi ukubaleka yindlela yokuqinisa impilo yabo. UGqirha Yalezo, 34, waqala ukubaleka ngo2018 kuba wayefuna ukulungisa umzimba wakhe. Akathathanga nto engaqhelekanga kowabo, ukubaleka yinto ethandwayo kowabo noxa ebengayenzi. "Abantu basekhaya babekuthanda ukubukela iComrades ethivini," itshilo imbaleki yakuTsolo kule veki.
"Abantu ababaleka iComrades bayakuthanda ukubaleka beziziqhu xa isiya ekupheleni. Sasithanda kakhulu la nto yabo yokukhuthazana kakhulu. Yinto esasithanda ukuncokola ngokuyenza ekhaya. Emva kokungena kule nto yokubaleka, yaba yinto endiyifunayo ukubaleka iComrades Marathon," utshilo uGqirha Yalezo.
Uvumile ukuba akululanga kuye ukulungiselela owona mdyarho weembaleki omkhulu eMzantsi Afrika ngenxa yomsebenzi. Kodwa nangona kunjalo, uzamile ukuzilungiselela ukubuya nembasa eThekwini. Amava aza kumnceda ngentseni yangeCawe xa iimbaleki ezingaphaya kwamashumi amabini anesibini amawaka (22 677) zisuka eMgungundlovu ekuseni ngentsimbi yesithandathu.
Phantsi kwegama lakhe, uGqirha Yalezo uthathe iinxaxheba kwimidyarho yeembaleki eyaziwayo efana neTwo Oceans Marathon neminye. "Ndiyithanda kakhulu iComrades Marathon. Ndiya kuyo kulo nyaka ndinethemba lokubaleka bhetele kunonyaka ogqithileyo. Oobhuti bam baza kubaleka iComrades okokuqala. Ndinethemba lokuba siza kufika sonke entanjeni," uvale ngaloo mazwi.
Related Topics: