Ezemidlalo

Abachithwe yiMamelodi Sundowns ababini bakhangela amaqela amatsha

Pedro Mapelo|Published

USipho Mbule noRivaldo Coetze bakhengela amaqela amatsha emva kokukhululwa yiMamelodi Sundowns.

Image: Facebook

Abadlali ababini abaziwayo ebholeni ekhatywayo, uSipho Mbule noRivaldo Coetze, bakhangela amakhaya amatsha enva kokukhululwa yiMamelodi Sundowns kule veki. Oku kungqinwe ngumphathi wabo, uMike Makaab, ekuqaleni kwale veki.

Njengokuba kuphele isizini kwinyanga ephelileyo, kuthe kanti izivumelwano zabo nazo ziyaphelelwa. Ngelishwa labo, iSundowns ikhethe ukungazivuseleli izivumelwano zabo zengqesho. Oku akubothusanga abantu abaninzi abalandela ibhola ekhatywayo ngoba ngabadlali abaneengxaki.

Kulindeleke ukuba bakhululwe abadlali abaninzi emva kokuba iSundowns idlale iFifa Club World Cup kwiiveki ezizayo. Emva kokungakwazi kwayo ukuphumelela iCAF Champions League eneminyaka iyizingela, kungenzeka ikhangele abanye abadlali njengesiqhelo.

Bekucacile kwantlandlolo ukuba uMbule akazubuyela kwiSundowns. Kwabolekiswe ngaye kwiSekhukhune United kwisizini ephelileyo. Akuphelanga naloo sizini wabe engafunwa nakuyo ngenxa yokungakwazi ukuziphatha kakuhle.

Yena uCoetze unengxaki yokonzakala okumgcina ngaphandle kwebala ixesha elide. Sesona sizathu esiphambili esibangele iSundowns ingakwazi ukumgcina. "USipho Mbule noRivaldo bakhululekile. Bayahamba kwiSundowns emva kokuba ingafunanga ukubabophelela kwakhona," utshilo uMakaab kwiFARPost.

Ngoku bobabini aba badlali bakhangela amaqela amatsha. Ngabadlali abasemgangathweni ophezulu bobabini. Ngeke bawadinge amaqela abanokuwadlalela kwisizini elandelayo - kodwa iingxaki zabo ziza kuba yimiqobo.

UMbule udlale ngendlela encomekayo kwiSekhukhune United phambi kokuvela kweengxaki zakhe. Yabolekisa ngaye iSundowns engedlaliswa kakhulu ngenxa yokungakwazi ukuziphatha kakuhle nakuyo. Kanti waya kwiSundowns efunwa yiKaizer Chiefs esakhangela abadlali.

Akukacaci nokuba iChiefs isenawo na umdla kuye njengokuba ikhangela abadlali abanokuyifunqula emva kokuvala iisizini ezimbini ingaphandle kweTop-8. Naye uCoetze angayinceda iChiefs xa inokumthatha ngoba udlala kakuhle kakhulu.