Ezemidlalo

‘Ingathi ubulele umntu xa ungachonganga umdlali weChiefs' - utsho uBroos

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, ucacisile ukuba kutheni engabachongi abadlali beKaizer Chiefs.

Image: Backpagepix

Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, utyhole iintatheli zazeMzantsi Afrika ngokuhlwayela umoya ombi ebantwini. Emva kokuba ebhengeze amagama abadlali beqela lesizwe kwiveki ephelileyo, kubekho ingxoxo eshusu eMzantsi Afrika ngenxa yokungachongi kwakhe abadlali beKaizer Chiefs.

Abadlali abaninzi abachongileyo uBroos baphume kwiPirates. Emva kokuba Amakhosi ephumelele indebe yeNedbank, bekukho ithemba lokuba umqeqeshi uza kuthamba akhethe abadlali bawo. Akubanga njalo, endaweni yoko uHugo Broos ukhwele ezehlela kuyo iChiefs ngenxa yokuvala kwayo isizini ihleli kwindawo yethoba.

Ingxelo ithi uBroos khange abuzwe ngabadlali beChiefs - kodwa kwimpendulo yakhe uxelele iintatheli ukuba uchonga abadlali, hayi kuba bedlalela iChiefs okanye iPirates. Utyhole iintatheli ngokulala ngengubo enye neChiefs nePirates. "Ndicinga ukuba ezinye iintatheli zingabalandeli bamaqela athile," utshilo uBroos ophendule into engabuzwanga kuye.

"Kunzima ukwamkela xa umdlali weqela lakho xa engabizwanga liqela lesizwe ngoba ungumlandeli. Iintatheli zinamaqela eziwalandelayo futhi ibonakele lo nto," utshilo uBroos owongeze ngelithi uchonga abadlali ngendlela abadlala ngayo. Into ebangele kube nzima ukwamkela kwabanye abantu kukuba uchonge abadlali kumaqela asezantsi kweChiefs.

"Ndim ozikhethela abadlali. Abantu basoloko bethetha ngabadlali bamaqela aquka iPirates neChiefs. Andikhethi badlali kuba besuka kuloo maqela. Ndichonga abadlali nokuba ngabeliphi iqela," utshilo umqeqeshi.

UHugo Broos wamkele abadlali abachongileyo enkampini izolo. Into yokuqala ayenzileyo, uchonge uSibisi njengoKapteni waBafana Bafana abaza kudlala imidlalo emibini yobuhlobo. Ngorhatya ngoLwesihlanu, aBafana Bafana baza kuvana amandla neTanzania emdlalweni wobuhlobo oza kube usePeter Mokaba Stadium. Emva kwawo baza kulungiselela ukudibana neMozambique emdlalweni wobuhlobo ongoLwesibini kwakhona ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane.