Ezemidlalo

Angeke ndixolise naphakade, utshilo uKagiso Rabada koonondaba!

Pedro Mapelo|Published

SUSPENDED: Kagiso Rabada UKagiso Rabada ujamelene namajelo eendaba okokuqala emva kokunqunyanyiswa kwakhe kwinyanga kaTshazimpuzi

Image: Backpagepix

UKagiso Rabada uthi ngeke asixolisele yonke imihla isenzo sakhe esibi ngoba usidanele ngokwaneleyo. OkaRabada, 30, uvule isifuba sakhe okokuqala emva kokuba ngundabamlonyeni kwinyanga edlulileyo.

Wasikwa inyanga yonke (kaTshazimpuzi) emva kokuba kwafunyanwa emzimbeni ichiza elingavumelekanga emdlalweni weqakamba. Uvavanyo lweenziwa ekuqaleni kwalo nyaka ngethuba edlalela iqela leqakamba lalapha eMzantsi Afrika kwitumente ekuthiwa yiBetway SA20.

Nakubeni walivuma ityala, akukacaci kakuhle nokuba yaba yinto yexeshana okanye eyemihla ngemihla. Phambi kokuhamba neqela lesizwe eliza kudibana neAustralia kwiWorld Test Championship, uRamada uyibeke yacaca into ethi yena ngeke aphinde into enye.

Kodwa nakubeni etsho njalo, uthe uza kuthetha nabo oogxa bakhe kwiqela lesizwe. "Andiqondi ukuba ikhona into efuna ukongezwa kuko konke endakuthethayo. Into endingayithetha kukuba ndafumana ithuba lokuzibhenca. Ndabona indlela endinethamsanqa ngayo lokudlala umdlalo endiwuthandayo. Ndibuyele ebaleni kwakhona ngoku," utshilo uRabada ethetha neentatheli kwiveki ephelileyo.

Ugxininise into ethi awakuxela kwingxelo ebhaliweyo eyakhutshwa yiSA Cricket Association kuchanekile futhi kwanele. "Ihlabathi aliphelelanga apha kum. Kukho abantu abaneengxaki ezinkulu. Okubalulekileyo ngoku yimidlalo yovavanyo (World Test Championship) esiya kuyo.

Masingamoshi ixesha ngokuthetha ngento edlulileyo. Abantu abasondeleyo kum ngabona endabaphoxayo - kodwa ndithi ubomi mabuye phambili. Angeke ndixolise naphakade. Andiyikhuthazi into endayenzayo - kodwa ndidlule kuyo," utshilo uRabada etshintshe ebusweni.

Phakathi kwabantu abaziswa kuqala ngokumosha kwakhe ngumqeqeshi uSjukri Conrad noTemba Bavuma onguKapteni weProteas. "Ndabazisa ngoba ndandisazi ukuba baza kundixhasa. Akukho nto iyenye endandiyilindele kubo ngaphandle kwenkxaso ngoba ngoogxa bam.

"Le yinto engathandekiyo - kodwa ke ndithembele kubo oogxa bam. Sendathetha nabo - kodwa ndiza kuphinda ndicacise yonke into kubo ngoba bayifanele ingcaciso egcweleyo," utshilo uRabada.