Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, ucacisile ukuba kutheni engabachongi abadlali beKaizer Chiefs.
Image: Backpagepix
Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uHugo Broos, ubize inqwaba yabadlali abatsha - kodwa akukho namnye ophuma kwiKaizer Chiefs kwakhona. Kumaxa angaphambili, uHugo Broos walile ukuchonga abadlali beChiefs ngenxa yokungaqhubi kwayo kakuhle.
Emva kokuba iChiefs ikwazile ukufumana indebe yeNedbank ekuqaleni kukaCanzine, bekukho ithemba lokuba uza kuthamba. Ngelishwa akubanga njalo, endaweni yolo kubizwe abadlali abaninzi abasuka kwi'Orlando Pirates.
Kuluhlu akhethe kulo uBroos, wayequke uBruce Bvuma, uYusuf Maart noMduduzi Shabalala. Njengokuba aBafana Bafana beza kulungiselela ukudibana neMozambique neTanzania - umqeqeshi ukhethe ukubiza abadlali abafana noMbekezeli Mbokazi, uMohau Nkota, uDeon Van Rooyen noSimphiwe Selepe osadlale kane qha kwiPirates.
Abadlali abaqhele ukudlalela aBafana Bafana ababizwanga ngoba uBroos ukhungela abadlali anokubahlomela kwiqela lakhe ekuhambeni kwexesha. Abadlali beMamelodi Sundowns ababizwanga ngoba basaxakekiswe ngumdlalo weCAF Champions League.
Kanti emva kwawo, baza kulungiselela ukuya kwiFifa Club World Cup eza kube ibanjelwe eMelika kwinyanga yeSilimela. Kubonakala ngathi eyona nto ebenze banetyheneba abadlali beChiefs kukuvala kwayo isizini ikwindawo yethoba. "Okwangoku, andikwazi ukuchonga abadlali beKaizer Chiefs," utshilo umqeqeshi.
"Ndinethemba lokuba iya kudlala bhetele kwisizini ezayo. Ewe, ikwazile ukuphumelela indebe - kodwa yilo nto kuphela encomekayo kuyo. Ayiqhubanga kakuhle kwisizini yonke. Abalandeli bonwabile ngenxa yendebe eyiphumeleleyo. Enyanisweni andinanxa neChiefs - kodwa kufuneka ndinyaniseke xa ndikhetha abadlali.
IChiefs ayidlalanga kakuhle phantse yonke isizini. Bekufanele iChiefs ivala isizini ikwindawo yesithathu, eyesibini okanye kwindawo yokuqala," utshilo uHugo Broos emva kokubhengeza amagama wabadlali bakhe. ABafana Bafana baza kuthathana neTanzania ngoLwesihlanu weveki ezayo. Emva koko badibane neMozambique ngomhla weshumi eLoftus Stadium.
Oonozinti: Ricardo Goss (SuperSport United), Sipho Chaine (Orlando Pirates), Renaldo Leaner (Sekhukhune United).
Abadlali basemva: Khulumani Ndamane (TS Galaxy), Nyiko Mobbie (SuperSport United), Thabo Moloisane (Stellenbosch FC), Nkosinathi Sibisi (Orlando Pirates), Mbekezeli Mbokazi (Orlando Pirates), Deano Van Rooyen (Orlando Pirates), Samukelo Kabini (Molde FK), Fawaaz Basadien (Stellenbosch FC).
Esiswini: Simphiwe Selepe (Orlando Pirates), Thalente Mbatha (Orlando Pirates), Ndamulelo Maphangule (Polokwane City FC), Luke Le Roux (Allsvenskan).
Iifolosi: Yanela Mbuthuma (Richards Bay FC), Relebohile Mofokeng (Orlando Pirates), Oswin Appollis (Polokwane City FC), Mohau Nkota (Orlando Pirates), Patrick Maswanganyi (Orlando Pirates), Tshepang Moremi (AmaZulu FC), Sinoxolo Kwayiba (Chippa United), and Ashley Cupido (Stellenbosch FC).
Related Topics: