uAndre Arendse, nabadlali bakhe, bachiphize iinyembezi zovuyo emva kokuhlangula iSuperSport United izolo.
Image: SSU/Facebook
Bachiphize iinyembezi abadlali nabaqeqeshi emva kokuba iSuperSport Unted isinde ezembeni izolo. Umdlalo weBetway Premiership obuphakathi kweSuperSport neGolden Arrows uphele ngegowuli elinye macala eLucas Moripe Stadium.
Inqaku elinye alifumeneyo Amatsatsantsa lithobisele iCape Town City yayokuhlala kwindawo yeshumi elinesihlanu. Ngenxa yokungaqhubi kwawo kakuhle kwisizini esongwe kule veki, Amatsatsantsa azibhaqe esetshobeni - kodwa ngethamsanqa, akwazile ukulwa.
Bekugqityezelwa umdlalo owayekwa phakathi ngenxa yezibane ezonakala kudlalwa ebaleni leSuperSport United. Abafana Bes'thende baye emdlalweni bengekho phantsi koxinizelelo ngoba eyabo indawo ibiseyicacile kwiBetway Premiership.
Okwenzeke izolo kuthetha ukuthi iCape Town City iza kudlala imidlalo yokuxabangela (PSL PlayOffs) kwiveki ezayo. Ukuba ikwazile ukubetha amaqela adlala kwiMotsepe Foundation Championship, iza kuhlala kwakhona kwiPremier Soccer League.
Ngenxa yeziphumo ezibi, abaphathi beSuperSport United baye bamgxotha uGavin Hunt isizini iphakathi. Endaweni yakhe bafaka uAndre Arendse owayelisekela lakhe. Lo nto yathetha ukuthi uxanduva lokuhlangula iqela engozini likuye.
Njengokuba umdlalo uqalwe phakathi kula ndawo wayekwa kuyo, bekunyanzelekile iSuperSport ilwele ukungabethwa okanye iphumelele. Ikwazile ukulwa imizuzu engamashumi amane anesihlanu. Ngaloo Ndlela, iSuperSport iye yakwazi ukufumana inqaku elinye eliyincedileyo.
Ethetha emva komdlalo izolo, uArendse uvumile ukuba isizini ibimbi. "Isiqingatha somdlalo wanamhlanje sesona sakhe saside ebomini," utshilo uArendse izolo. Utsho efanele ngoba iSuperSport ibisecicini lokubhanga emva kweminyaka iqhuba kakuhle ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika.
"Liqela elinembali etyebileyo eli. Ndifuna ukuthetha kancinci ngomdlalo. Asidlalanga umdlalo oncumisayo - kodwa besinyanzelwa yimeko. Bekumele sifumane into kulo mdlalo. Bekunzima kule sizini kuthi - kodwa sikwazile ukulwa sade sasinda," utshilo uArendse.
Related Topics: