Ezemidlalo

UDesiree Ellis kwindlela abadlale ngayo aBanyana Banyana izolo

Pedro Mapelo|Published

UDesiree Ellis akonelisekanga yindlela abadlale ngayo aBanyana Banyana izolo.

Image: Sasol Sports

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo liyivule kakuhle itumente ekuthiwa yiThree Nations eqale izolo. ABanyana Banyana bazibethele iBotswana yasebumelwaneni ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni wokuvula iThree Nations Tournament obuseLucas Moripe Stadium emalanga izolo.

Amantombazana oMzantsi Afrika agqagqanise okomgqakhwe ugoduka afumana amagowuli amathathu kwngoko kakulu kwisigana sokuqala somdlalo. Abadlali abafake amagowuli nguJermaine Seoposenwe (amabini) noAdrielle Mibe obeqala ukudlalela iqela lesizwe.

Kanye phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, iBotswana ifumene igowuli lokuqala elifakwe nguLesego Radiakanyo. Kwisigaba sesibini, uLaone Moloi ufake igowuli lesibini leBotswana. Nakubeni aBanyana Banyana bekwazile ukuphumelela umdlalo - kodwa iBotswana ibasokolisile kakhulu.

Baphantse baphulukana nawo umdlalo futhi lo nto khange imphathe kakuhle uDesiree Ellis. "Kwigowuli lokuqala elifakwe kuthi, iBotswana ibisazi ukuba siza kudlala ibhola ende. Elesibini siphise ngalo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo izolo.

"Sithethile nabadlali phambi komdlalo. Sithe mabazame ukuyigcina kubo ibhola bangayilahli. Kubekho ukugqwidiza emdlalweni wethu okuphantse kwasonzakalisa. Nesantya somdlalo siye sehla kwisigaba sesibini. Asiyidlalanga ngendlela ebesifuna ngayo ibhola emdlalweni. Kufanele sidlale ngcono emdlalweni olandelayo," utshilo uEllis.

UMzantsi Afrika uza kudibana neZambia emdlalweni wesibini amalanga ngoLwesibini weveki ezayo. Umqeqeshi weBotswana ukhale ngeempazamo ezibethe iqela lakhe emdlalweni wayizolo. "Kwisigaba sokuqala, sense iimpazamo ezininzi kakhulu. Asikwazanga ukwenza izinto ezifanelekileyo ebaleni.

"Xa siqala umdlalo emva, sube sifuna iqela esidlala nalo lize kuthi ukuze sikwazi ukuliqubula. Asikwazanga ukuhlasela ngokwaneleyo," utshilo uAlex Malete. IBotswana iza kuqubisana neZambia emdlalweni osemalanga ngoMgqibelo.