Ezemidlalo

Ubeke phantsi ebholeni ekhatywayo uMaela obenguKapteni wePirates!

Pedro Mapelo|Published

UKapteni we'Orlando Pirates, u-Innocent Maela, ubeke phantsi njengomdlali webhola ekhatywayo izolo.

Image: Independent Media

Emva komdlalo wokugqibe we'Orlando Pirates izolo ebusuku, u-Innocent Maela ubeke phantsi ebholeni ekhatywayo. Oku kwenzeka emva kokuba iPirates ivale isizini ihleli kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns ethathe indebe yeBetway Premiership isihlandlo sesibhozo iminyaka ilandelelana.

Kuthiwa uMaela, 32, uyeka ukudlala ibhola ekhatywayo kuba enunuswe ngesikhundla yiPirates ayidlalele iminyaka. Phantsi kwegama lakhe, uMaela udlale imidlalo engamakhulu amabini anethoba kwiPirates. Zingaphezulu kwesihlanu iindebe azifumeneyo kwiPirates phantsi kwabaqeqeshi abohlukileyo.

Uchithe ixesha elininzi engadlali uMaela ngoba ebekhathazwa kakhulu kukonzakala. UMandla Ncikazi, olibambelamqeqeshi emva kokuhamba kukaJose Riveiro, umtyibele ngamazwi amnandi uMaela emva komdlalo wokugqibela obubanjelwe e'Orlando Stadium, eSoweto.

"UMaela yinkokeli ebaleni naxa engekho sebaleni ngoba wazixhobisa ngemfundo," utshilo uNcikazi echwayitile. UMaela uqhwatyelwe izandla ngabalandeli izolo emva komdlalo iPirates ebambene kuwo ngegowuli elinye macala neMagesi FC. Isivumelwano sakhe esiphela kwinyanga yeSilimela asizuvuselelwa.

"Ngumdlali owaveliswa yiPirates. Ndadibana naye okokuqala edlalela iThanda Zulu Royals ndisasebenza KwaZulu-Natal. UMaela ngumntu opheleleyo. Siyalibala ngamanye amaxesha ukuba abadlali bayinxalenye yeendawo esidlala kuzo. Ungumntu oqeqeshekileyo futhi ofundileyo. Yintsikelelo ukuba nomdlali ofana naye," utshilo uMaela.