Ezemidlalo

USteve Barker ulikhulule ngesihle ijoni lakhe elithathwe yiPirates

Pedro Mapelo|Published

USihle Nduli ebambe iwonga lakhe emsithweni weStellenbosch FC.

Image: Stellenbosch FC

Njengokuba isizini yePremier Soccer League ka2024/25 ivaliwe, ukuthengwa nokuthengiswa kwabadlali sekuqaliwe. USteve Barker sele ephulukene nelinye lamajoni wakhe athembekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iStellenbosch FC idlale umdlalo wayo wokugqibela weBetway Premiership kwiveki ephelileyo.

UBarker uye wamkhulula ngesihle uSihle Nduli ekuthiwa uza kudlalela i'Orlando Pirates kwisizini ezayo emva kokudlala kakuhle kwiStellenbosch FC eqhube kakuhle nayo kwisizini egqithileyo. Emva kokubambana neCape Town City ngeqanda, iStellenbosch FC ivale isizini ihleli kwindawo yesithathu kwiBetway Premiership.

Noxa ingakwazanga ukuyikhusela indebe yeCarling Knockout ebiyizuze kwisizini ka2023/24 - kodwa yenze kakuhle kakhulu kwelinye icala. Kuzo zonke iindabe, iStellenbosch ikhutshwe kwizigaba zokugqibela. Kanti nakwiCAF Confederation, iqhube kakuhle kakhulu.

Ngethamsanqa, iStellenbosch FC iqinisekisile ukuba iza kudlala kwiConfederation Cup kwakhona kwisizini elandelayo. Njengokuba kukho abadlali abahambayo, kulindeleke iStellenbosch sizame ukufumana abadlali abaza kuvala iindawo zabo. Akulindelekanga ibe yingxaki leyo ngoba iStellenbosch inabadlali abasemgangathweni ophezulu abadlala kwiDiski Challenge.

"Kukho abadlali abahambayo. USihle Nduli ngomnye wabo badlali. Ndifuna ukumbulela uNduli ngokuzibophelela kwiqela lethu. Kuyasichulumancisa nathi ukumbona esiya kwindawo ebhetele," utshilo uBarker ethetha neentatheli emva komdlalo wokugqibela.

"UNduli yinkokeli ezolileyo. Akathethi kakhulu - kodwa udlala kakhulu xa esebaleni. Ndicinga ukuba kuhle ukumkhapha ngamazwi xa ehamba ngoba unguKapteni weqela. Bendikhumbuza abantu ngenye imini ukuba wayengadlali kusekho uSibongiseni Mthethwa.

"Wathi akuhamba watsho wafumana elakhe ithuba uNduli futhi walibamba ngezandla zozibini. Simnqwenelela okuhle ngoba ulisebenzele kakuhle iqela," utshilo uBarker, ekulindeleke ukuba amkele abadlali abatsha.

Uye waqinisekisa ukuba iStellenbosch ifumene ifolosi edlala kwiMotsepe Foundation Championship egama linguMuzomuhle Khanyi. Kuthiwa utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu uKhanyi. Kanti ifumene noSiviwe Nkwali obekade edlalela iCape Town Spurs.

"Oku kwenzeke emva kokuba uNkwali encede Amajita abuye eziintshatsheli kwiAfrica Cup of Nations Under-20 ebibanjelwe eYiphutha. Basekhona nabanye abadlali ebajongileyo kwiCape Town Spurs ethotyiselweyo.