Ezemidlalo

iSundowns iqhogene neCarling Black Label phambi kweFifa Club World Cup esemnyango!

Pedro Mapelo|Published

USihlalo weMamelodi Sundowns, uThlopie Motsepe, esamkela inkxaso kwiCarling Black Label.

Image: Independent Media

Iintshatsheli zeBetway Premiership, iMamelodi Sundowns, zisaxakekile njengokuba amanye amaqela adlala kwiPSL ephumle. Amasandawana abila esoma enkampini ePitoli - apho alungiselela khona ukudibana nePyramids emdlalweni wokugqibela weCAF Champions oza kube use30 June Stadium ngorhatya ngeCawe.

Oku kuza kwenzeka emva kokuba la maqela mabinii edlale ntanganye ngegowuli elinye macala emdlalweni wokuqala weChampions League obubanjelwe eLoftus Stadium. Ngenxa yokuqhuba kakuhle kweSundowns kunyaka ophelileyo, iye yaphakathi kwamaqela amane aza kumela iAfrika xa kuqala iFifa Club World Cup kwinyanga ezayo eMelika (USA).

Oku kwenzeka kanye emva kweCAF Champions League ezimisele ukuyiphumelela nasemva kokuphakamisa indebe yeBetway Premiership. ISundowns ithelekiswe namaqela aquka iFluminense yaseBrazil, iBorossia Dortmund yaseJamani ne-Ulsan Hyundai yaseKorea.

Amanye amaqela aza kumela iAfrika aquka iAl Ahly, Esperance neWydad Athletic Club. Ngoba iCarling Black Label ngumxhasi weFifa Club World Club, abaphathi bayo babone kufanelekile ukuba babambisane neSundowns eza kumela iAfrika kweyona tumente yamaqela ebhola ekhatywayo ephambili ehlabathini lonke.

"ICarling Black Label, esisiselo seentshatsheli, ngumxhasi we2025 Fifa Club World Cup walapha eMzantsi Afrika. Njengokuba iSundowns ikuphela kwayo kwiAfrika esamazantsi, sinethemba lokuba iza kumela abantu ixhaswa nguCarling Black Label enembali entle kwibhola ekhatywayo," itshilo ingxelo ekhutshwe yiSundowns izolo.

USteve Komphela ukuchaze ukuqhogana kweSundowns noCarling Black Label njengento entle kakhulu. "Oku kukudibana kweentshatsheli eziqaqambe ngenxa yomsebenzi omhle. UCarling Black Label uyiqonda kakuhle ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika," utshilo uKomphela.

"Le yinkampani exhase abalandeli iminyaka, ngoku ixhasa iSundowns eza kumela iAfrika. Ukuxhaswa yinkampani enkulu kusenza sibe nelunda," utshilo uKomphela, olisekela kwiMamelodi Sundowns ephumelele indebe yeBetway Premiership amatyeli asibhozo elandelelana.