Ezemidlalo

Alicacanga ikamva likaNcikazi emva kokuhamba kuJose Riveiro!

Pedro Mapelo|Published

UMandla Ncikazi ngumqeqeshi we'Orlando Pirates obambeleyo emva kokuhamba kukaJose Riveiro.

Image: OP/Facebook

Njengokuba i'Orlando Pirates ivala isizini ngokusesikweni, zininzi iinguqu ezingenziwa emva kokuhamba komqeqeshi oyintloko kwiiveki ezidlulileyo. Omnye wabantu onekamva elingekacaci kakuhle nguMandla Ncikazi.

Alicacanga ngoba uJose Riveiro, umntu obesebenza naye, ugqibe kwelokuba ayokukhangela amadlelo aluhlaza kwamanye amazwe. Kulindeleke ukuba iPirates ibhengeze umqeqeshi omtsha kwinyanga ezayo. Nakubeni uNcikazi esenonyaka kwisivumelwano sengqesho, ukuba umqeqeshi omtsha akamfuni, akukho nto angayenza.

Emva kokuhamba kukaRiveiro, kuye kwacelwa uNcikazi ukuba agqibezele imidlalo eshiyekileyo. Iintatheli zizamile ukuqonda kuye uNcikazi ukuba ucinga ntoni ngekamva lakhe emva kokuba AmaZulu edlale ntanganye ngegowuli elinye macala nePirates emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium ngempelaveki egqithileyo.

"Mna ndidalwe ngendlela eyahlukileyo. Ndisebenzela iPirates ngoku. Ukubakho kwam nokungabikho kwam akuyiguquli iPirates ingabiliqela eliqhuba kakuhle," utshilo uNcikazi ephendula umbuzo. Yiminyaka eliqela uNcikazi encedisa kwiPirates eyamthatha kwiGolden Arrows awaziqaqambisa kuyo njengomqeqeshi.

"Ndizingomba isifuba ngegalelo endilenzileyo kwiPirates. Okwangoku ndisafunwayo liqela, ndiza kulisebenzela kude kubekho into entsha endiyixelelwayo. Okwenzekayo akundichaphazeli ngoba indawo yam incinci. Xa usebenzela iPirates, ufana nomntu osabele ubizo. Mna ndikhetha ukujonga icala elihle ebomini bam," utshilo uNcikazi emva komdlalo obuseThekwini.

Noxa iPirates ingakwazanga ukubhukuqala iMamelodi Sundowns eziintshatsheli, uNcikazi ukholelwa kwelokuba iPirates iwuvalile umsantsa emva kokuphumelela iindebe eminyakeni egqithileyo. Uqhayise ngabadlali abathathwe kwiDiski Challenge bafika baqaqamba kwiPirates edlala kwiPremier Soccer League.

Abo badlali baquka uRelebohile Mofokeng owoyikwayo, uMohau Nkota, uMbekezeli Mbokazi noSimphiwe Selepe ohlangule iPirates emdlalweni ogqithileyo. IPirates iza kudibana neMagesi FC emdlalweni onamhlanje e'Orlando Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya.